Kunikiswe ngesakhiwo sikaNombembe!

Kunikezelwe ngezakhiwo zikaSive Nombembe eGcuwa
Amagumbi omfi uSive Nombembe angakwiYunivesithi iWalter Sisulu kwiKhampasi yaseBika eGcuwa, kunikezelwe ngawo kubahlali baseZazulwana liGunyaBantu lezoTshutshiso ngoLwesithathu.
La magumbi alishumi elinesixhenxe oxuthwa ngumbuso emva kokuba uSive Nombembe kwafumaniseka ukuba waxhamla ngendlela engeyiyo kwithenda yeeplastiki kuMasipala waseMnquma.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali uthi zonke izinto abazaxotha kumfi uNombembe eziquka iimoto kunye nendlu, bazithengisile ukuzama ukubuyisa imali eyarhwaphilizwayo.
“Sizithengisile izinto zikaNombembe ukuzama ubuyisa imali yombuso eyarhwaphilizwayo kodwa kwanzima ukuba sithengise la magumbi ngenxa yokuba awanasiqinisekiso somhlaba(title deed),” kutsho uTyali.
Uthi kuba engathengiseki la magumbi njengoko umntu obeza kuwathenga ebeza kufuna isiqinisekiso somhlaba, bagqibe kwelokuba bawanikezele kwiZazulwana Community Development Trust.
UNombembe kuthiwa kwakumele ukuba kwithenda yakhe yeeplastiki ufumene imali engange R564 yamawaka kodwa waphela enikwa izigidi ezilithoba zeerandi.
Usihlalo weTrust,  uLuthando Ngcebetsha, uthi njengokuba benikwe la magumbi kaNombembe baza kuqhubekeka nokuhlalisa abantwana beYunivesithi iWSU ukuze imali baphuhlise ngayo ekuhlaleni.
“Isicwangciso esinaso ngala magumbi kukwenzela imali ukuze abantu baseZazulwana baphile ubom obungcono,” kutsho uNgcebetsha.
Uthi baza kuthethana neWSU bayibuze ukuba isafuna abantwana bayo bahlale kula magumbi na,  xa ivuma baza qhubeka bebahlalisa kuwo.
Abafundi baseWSU ebebefudula behlala kula magumbi bebebhatala imali engange R2000 umfundi ngamnye lo gama behlala bebabini egumbini elinye.
UNombembe kuthiwa wawuthenga ngemali engange R30 yamawaka umhlaba ukuze akhe la magumbi.