Kunqongophele abacuphi kwisikhululo sakuTsolo

UKUBA ubuvule ityala kwisikhululo samapolisa akuTsolo kule minyaka imbalwa idlulileyo kwaye awude ufumane umkhomba-ndlela, usenokanti ulixhoba lengxaki enkulu ejongene nesi sikhululo.

Isikhululo samapolisa sakuTsolo, simkelwe ngabacuphi ababalelwa kwisihlanu, besiya kusebenza kwezinye izikhululo, nto leyo ebangela ukulibaziseka ekuphandweni kwamatyala abikwe kuTsolo. Amanye ala matyala anobuzaza kwaye aquka ukuphanga kuxhotyiwe, ukubetha ngeenjongo zokonzakalisa kwanokubulala.

Umsebenzi kwesi sikhululo sakuTsolo uthi ngamatyala abalelwa kwikhulu elinamashumi amahlanu ukuya kumakhulu amabini avulwe nje emva koko akwabikho nkqubela ngokophando.

“Imbi into eyenzeka kwesi sikhululo. Amatyala avuliwe, akukho luphando kuwo kuba kunqongophele abacuphi kwaye akanazo neenkcukacha zokuba asiwe enkundleni. Kukho amatyala okubulala awayevulwe kwesi khululo ngonyaka ka-2014 kodwa ukuza kuthi ga ngoku akukho nkqubela kuwo.

“Le nto yokufumba kwamatyala angenankqubela kuphando, yenza abantu basijonge ngenye indlela isikhululo sethu,” kutsho umsebenzi wesi sikhululo.

Umzekelo wamatyala angenankqubela kuphando, kuquka ityala lenyanga yoMsintsi kunyaka ka-2014 elenzeka e-St Cuthberts kuTsolo, apho kwathi kwaxhwilwa abemmi baseLesotho ababini ngamadoda angaziwayo ze bayokuphoswa kumlambo iTsitsa kuQumbu. Omnye waba bemmi baseLesotho wasinda wakwazi ukuphuma kulo mlambo logama omnye wathi wasweleka. Akukho mkhomba-ndlela wathi wenziwa ngeli tyala.

Elinye ityala lelokubulawa kwendoda eneminyaka engamashumi amane yaseMjika kuTsolo ngenyanga yoMdumba kunyaka ka-2014. Le ndoda yabulawa emva kokuxatyelwa lilungu layo losapho, kodwa akukabikho nkqubela yathi yenziwa kweli tyala nangona nje umenzi wobubi esaziwa ekuhlaleni.

Umsebenzi wesi sikhululo ohlebele I’solezwe uthi ubuninzi bamatyala kuTsolo aphelele nje ekuvulweni, emva koko nkqi ukuphandwa ngenxa yokunqongophala kwabacuphi.

Isithethi samapolisa aseMpuma Koloni uColonel Sibongile Soci ebengaphenduli kwimibuzo ebithunyelwe liphephandaba I’solezwe ngethuba sipapasha eli nqaku.

Kwimibuzo ebithunyelwe liphephanda I’solezwe ngoLwesine weveki ephelileyo uSoci ebethembise ngokulandela ngeempendulo lungaphelanga usuku lwangoLwesibini kule veki.

Inyewe yokunqongophala kwabacuphi kwisikhululo sakuTsolo iyakhabana nezithembiso ezenziwa ziziphathi-mandla zamapolisa mihla le, ezokuba amapolisa azimisele ukubusiphula neengcambu ubundlobongela ezilalini.