Kunqongophele imizamo eSiyazama SSS

Isikolo samabanga aphezulu iSiyazama eMajali ePeelton eQonce

ISIKOLO samabanga aphakamileyo iSiyazama Senior Secondary yaseMajali ePeelton, eQonce, ngumzekelo ophilayo wokuba iMpuma Koloni isoloko isemsileni xa kubhengezwa iziphumo zokuphela konyaka zebanga leshumi.

Noxa nje kusondelwa kwithuba lokubhalwa kweemviwo zaphakathi enyakeni, abafundi baseSiyazama kusekho izifundo abangekazihlohlwa kulo nyaka ngenxa yokunqongophala kootitshala kwesi sikolo.

“Into esiyifunayo thina ngootitshala, kuba siza kubhala iimviwo zenyanga yeSilimela kungekudala. Asikhange siyifundiswe iLife Sciences siza kubhala ntoni, asikhange sisifundiswe isiXhosa siza kubhala ntoni. Andithethi ke ngabafundi bezoshishino (Commerce) ukusuka kwiAccounting, ukuya kwiBusiness Studies zange bazifundiswe zonke,” utshilo umfundi kaGrade 12 uSiphesihle Zenzile, okwangusekela mongameli kwibhunga lesikhokelo sabafundi.

UZenzile uthi ugqibele ukufundiswa isiXhosa, esenza uGrade 11, ngethuba kwakukho titshala ithile eyayingxungxile.

Iititshala zaseSiyazama zintlanu kuphela ukujongana nabafundi abaqala kuGrade 8 ukuya kuGrade 12.

Inani labafundi kwesi sikolo liya lincipha, kuba abo baneentsiba zokuya kwezinye izikolo benza njalo kushiyeke abo bangenamacebo wambi.

“Le nto isiphatha kakubi. Siya esikolweni, sifike singafundi sihlale nje. Abanye abafundi baphela sele beyeka ngenxa yale meko,” utsho uZenzile.

Uthi ziliqela iinzame bezama ukuba isonjululwe le nyewe kodwa ngaphandle kwempumelelo.

“Into ekudala isenzeka kukuqhathwa kuthwa imeko izakulungiswa, kodwa ingenzeki lo nto. Iifowuni zethu sele zisaziwa ngamagosa ezemfundo. Ukuba ufuna ibanjwe ifowuni, kufuneka ufihle (private) inombolo yakho,” kutsho uZenzile.

Unobhala webhodi ejongene nolawulo lwesikolo uAnathi Kokwana, uthi inqununu yaseSiyazama imke ngo-2015 emva kokuba abafundi befuna ukwazi malunga nokusetyenziswa kwemali. Ukusukela ngoko, isikolo zange siphinde sibenenqununu.

“Abantwana bakaGrade 12 bakulo nyaka abakabhaliswa kwisebe lezemfundo, nto leyo ingayingxaki xa bebhala iimviwo zokuphela konyaka. Saya kurhulumente wephondo ngethuba kwakuvulwa iPalamente eBhisho [ngenyanga yoMdumba] kulo nyaka, kwathiwa siza kuphendulwa zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe. Ladlula elo xesha sisalindile,” utshilo uKokwana.

Umzali onomntwana kwesi sikolo, uBangile Ntenteni, uthi uxhalabe ngomgangatho wemfundo kwisikolo esikumila kunje. “Sisithembiso emva kwesithembiso, abantwana bethu abanakamva lihle tu kwisikolo esinje,” kutsho uNtenteni.

Abafundi bakwatyhola nokuba imali karhulumente, ebifanele ukuba ithenga izixhobo zokuphuhlisa esi sikolo ikhonkxwe kwii-ofisi zesebe.

“Ukuba ayikhutshwa imali yesikolo sethu, futhi azongezwa iititshala, kuza kunyanzeleka ukuba singenele ugwayimbo,” utshilo uZenzile.

Isithethi sesebe lezemfundo uMali Mtima, uthi amagosa ezemfundo akwiinzame zokusombulula ingxaki yaseSiyazama.