Kunqunyanyisiwe ukwakhiwa kwezindlu ePhilippi emva kokubulawa koonogada

Umfanekiso ogciniweyo weIndependent Media

EKAPA: KUNQUNYANYISIWE ukwakhiwa kwezindlu zeRDP ePhilippi emva kokubulawa koonogada ababini ngelixa bekukhuthuzwa.


Aba nogada nabangenakuchazwa kude kwaziswe izizalwane zabo badutyulwe basweleka ngelixa bekukhuthuzwa izixhobo zokwakha ngoLwesithathu.


Kungokunje, bayavutha ngumsindo abo bebeza kuxhamla ekwakhiweni kwezo zindlu. Bathi esi siganeko siza kwandisa udederhu lomgca ohleli ukhona kwabo bafolelele izindlu zikarhulumente.


“Kudala sabhalisela ukufumana izindlu. Mna ndineminyaka engaphaya kwamashumi amabini. Igama lam lide laphuma kwezi ziza kwakhiwa. Ngoku, umsebenzi umiswe usaqala ngenxa yezihelegu. Le nto ithetha ukuba usaza kubamde umgca wokufolela izindlu,” utshilo uBandile Tapi wasePhilippi.


UMzontsi Mbaliswano wePhilippi People’s Development Forum uthe esi siganeko siza kudodabalisa uphuhliso. “Siyaludinga uphuhliso. Abantu basebenzisa ukuziswa kophuhliso njengethuba lokwenza ubundlobongela. Sikhuthaza abahlali ukuba beze nomkhondo ngaphambili emapoliseni ukuze zibanjwe ezintswelaboya,” utshilo.


ISithethi samaPolisa uFC Van Wyk uthe ngokwengxelo, kufike amadoda ahlasela oonogada abane efuna imipu yabo. “Kudutyulwe kwabulawa oonogada ababini.”