Kuntunyekwe ikhaya, kwabhubha abahlanu eSeymour

ABANTU abahlanu,
abaquka abasetyhini abathathu, indoda kwakunye nemveku batshe bangqungqa
kwilokishi yaseSeymour cebukuhle eBhofolo kubusuku bangoMvulo.

Kutyholwa ukuba
olu sapho lutshiswe yindoda ebinobudlelwane nomnye wasetyhini ongasindanga kulo
mlilo.

Abamelwane
ababalisele intatheli yeOurNews eSeymour bathi oku kwenzeke kwabhadakazi
kwizithuba zentsimbi yeshumi elinambini.

Omnye wabamelwane,
obenyembezana nongafunanga kudizwa ngegama uxelele le ntatheli ukuba bazibeka
ityala ngokungeva zikhalo ezikhwaza uncedo.

Uphinde wathi
ukuvalwa kwelizwe, iLockdown, yenza ukuba abantu balale ngethuba, nto ebangele
bangeva nto. Esi sithwakumbe sishiye indawo yaseSeymour ingcangcazela
ngumothuko.

 

Umrhanelwa  ominyaka ingama32 uye wabanjwa waze wabekwa
amatyala amahlanu okubulala nokutshisa.

 

Kwingxelo
ekhutshwe ngamapolisa, amadangatye abelephuza kweli khaya abonwe ngumhlali noye
wabona wabona nomrhanelwa ekutyholwa ukuba nguye ontumeke eli khaya ngomlilo.

Lo mhlali uye
wabikela uluntu ngesi senzo. Umrhanelwa uye wabanjwa ngoko nangoko ngamapolisa.

 

“Amapolisa ayangqina
ukuba abahlanu bosapho olunye babhubhele ngaphakathi endlwini, kuquka nentokazi
yomrhanelwa ebineminyaka engama30 ubudala, unina  obena46, udade wabo obena34 yeminyaka, indoda
ebina34 yeminyaka ubudala kuquka nosana oluyinkwenkwe obeluneenyanga ezintlanu
luzelwe,” kutsho ingxelo yothethela amapolisa uKapteni Khaya Tonjeni.

 

UTonjeni uthi
unobangela wesi senzo uyakudizwa luphando olusaqhutywayo ngamapolisa.

 

Umrhanelwa
kulindeleke ukuba ajongane ngqo noMantyi kwiNkundla yaseSeymour ngamatyala
ajamelene nawo.

 

OnguMkomishinala
wamaPolisa eMpuma Koloni, uLt Gen Liziwe Ntshinga uthumele amazwi adlulisa
umyalezo wovelwano kusapho, izihlobo nezalamane zababhubhileyo.

UNtshinga usigxekile
esi senzo sikhohlakele kangaka, watsho encoma abahlali abasebenzisene
nabakwantsasana okukhokelele ekubanjweni komrhanelwa.