Kunuka imfazwe ebaThenjini

IMBAMBANO erhangqe ubukumkani babaThembu isekude engqinibeni emva kokuba elinye iqela kule ndlu lithe lixolele ukuya kwimfazwe ukuba unyana kaKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo akabekwa njengebambela-kumkani.

Izolo, iqela labaThembu lithe labamba indibano eThekwini, apho bekuxoxwa umba kaAzenathi Zanelizwe Dalindyebo ongunyana kaZwelibanzi. Eliqela lifuna uZanelizwe angene kwindawo kayise, kwaye lithi ukuba ayenzeki lo nto, kwakuqala imfazwe.

Othethela eliqela uZwelodumo Mtirara uthi babhalele kwiNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle besithi makangenelele kule nyewe. “Sicela iNkulumbuso nje, kukuba siphumile kwiKomishini karhulumente etyunjelwe lo msebenzi. Sinezizathu zethu ezibangele ukuba siphume,” kutsho uZwelodumo.

Kwindibano ebibanjwe eMthatha ngomhla wesihlanu kule nyanga, uninzi lwabaThembu luvumelene ngegama likaJongisizwe Dalindyebo okokuba makathathe endaweni kaZwelibanzi. UJongisizwe ngumninawa kaZwelibanzi ngokokuzalwa.

UZwelodumo uthe: “Oyena mntu thina esifuna angene endaweni kaKumkani Zwelibanzi mnye nguZanelizwe, akekho omnye.”

Kodwa amazwi kaZwelodumo abonakale engafumani nkxaso kwizithethi ezibini zamaqela ahlukeneyo kubaThembu.

UDaludumo Mtirara uthi umba wokuba ngubani ozakungena endaweni kaZwelibanzi, uxhomekeke kwiKomishini etyunjelwe oku.

“Asiyazi le ithethwa nguZwelodumo futhi asifuni nokuyingena. Nditsho nkqu naloo ndibano iseThekwini asiyazi thina, kuba imiba yesiko yethu zange yaxoxelwa eThekwini,” kutsho uDaludumo, okwathe kwindibano ebiseMthatha, bavumelene ngegama likaJongisizwe.

UBhovulengwe Mtirara naye uthe akanalwazi landibano yaseThekwini.

“Asiyazi loo ndibano, futhi akukho mfazwe ezakwenzeka.”