Usihlalo weqela leOrlando Pirates uIrvin Khoza ungenelele kwabo bakhuphe amazwi ovelwano ngokutshaba komqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo laseNigeria uStephen Keshi.
Lo kaKeshi (54) ubhubhe ngenxa yokumelwa yintliziyo izolo. “Yilahleko engenakuchazwa ukubhubha kukaKeshi kwibhola ekhatywayo kwilizwekazi lase Afrika,” ucacise watsho uKhoza.
Lo kaKhoza uthi aziyonyani iingxelo zokuba ebekuthethwano nalo mqeqeshi ngeenjongo zokuba eze kuqeqesha iqela leOrlando Pirates endaweni kaEric Tinkler.
Oligqala lebhola ekhatywayo kweli uNeil Tovey uthi ebengangwezwe lo kaKeshi kumdlalo webhola ekhatywayo.
“Ebengumfo omkhulu kumdlalo webhola ekhatywayo elizweni lakhe iNigeria nakwiAfrika ngokubanzi ebezinikele emsebenzini wakhe,” uthethe watsho uTovey.
Owayesakuba ngunozinti weqela laseNigeria uIdah Peterside uthi uKeshi ngomnye woonyana bela lizwe laseNigeria ebesenza umsebenzi wakhe ngokuzinikezela okukhulu.
“Ebelithanda ilizwe lakhe, oko ebekubonakalisa ngokuthi enze umsebenzi omhle nje- ngomqeqeshi weqela lase- Nigeria, silahlekelwe isizwe kakhulu,” uthethe watsho uPeterside.
UKhoza uyaphika kuba uKeshi ebezakuqeqesha kwiqela leOrlando Pirates.
UKeshi uqeqeshe iqela lase Togo, Mali naseNigeria waza wayakulibeka kwindebe yehlabathi elaseTogo ngonyaka ka2006.
Ngonyaka ka 2013 lo kaKeshi uphumelele indebe yamazwe aseAfrika, iAfrica Cup of Nations waza wafikelela kwinqanaba lamaqela alishumi elinesithandathu ngonyaka ka 2014 kwindebe yebhola ekhatywayo kwihlabathi eyayibanjelwe kwilizwe laseBrazil.
Halala, utshatile uMama Joy!