Kunzima ukuba lipolisa

mholweni, kunento endityayo apha ndiqale @ 20 yrs ukufaka i-cv emapoliseni andide ndiqashwe tuuu, ngoku iyaphelelwa iminyaka yam, kunyaka ozayo ndizobana30. Ndicela isebe lisibonelele ke ngo18-35, endaweni ka18-30. Thina singabanye siyanqwenela ukuba ngamapolisa, ndide ndafunda icourse yawo iPolicing kangangokuba ndinomdla, andisoze ndincame. Kodwa ngoku le age limit iyavala mba!

– Ofuna ukuba lipolisa, eBhisho

*Thumela eyakho ileta ku 063 743 9538 ngeSMS okanye Whatsapp