Kunzima ukungcwaba eDimbaza ngenxa yexabiso lamangcwaba

Amangcwaba aseDimbaza

Bahlawula ixabiso eliphezulu abahlali baseDimbaza xa bethenga umhlaba wokungcwaba, kwaye bayakhala leli xabiso. Ingxelo ithi yimali ekumawaka amabini namakhulu amathathu eerandi (R2300) echithwa ziintsapho eDimbaza kumhlaba wokungcwaba kuphela.

UZola Marhwana obengcwaba kwiveki ephelileyo uthi, uyikhuphile le mali kuba ebenyanzelekile ukuba enze njalo. “Ndiyihlawule le mali kuba bendifuna ukungcwaba umntu wam ndahlukane nayo yonke le nto, nangona ininzi yona imali le,” utshilo uMarhwana. Uninzi lwabantu abahlala kule ndawo abaphangeli logama abanye babo bephila ngemali yenkam-nkam.

Uceba wakwaWadi 34 oquka le ndawo uVuyo Tokwe ungqinile ukuba ngokwenene abantu bahlawula eli xabiso. “Umcimbi wentlawulo yemali yamangcwaba ngumcimbi kamasipala iBuffalo City, endikwaziyo kukuba abantu bayayinikwa inyoba yokuba bangcwabe ngentsuku ezithile ukuze bakwazi ukubaleka le mali,” utshilo uTokwe.

Uqhube wathi, abantu abangakulungelanga ukuhlawula le mali banyanzeleka ukuba bangcwabe kwintsuku zaphakathi evekini. “Bonke abo bangakwaziyo ukuhlawula le mali banikwa amangcwaba simahla ngumasipala, kodwa kufuneka bangcwabe kwiintsuku ezisukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu evekini,” utshilo uTokwe. Ngokwengxelo umasipala unyanzeleka ukuba ahlawule imali ethe xaxe kubasebenzi xa bethe basebenza ngeempelaveki.

Inkokheli yasekuhlaleni eDimbaza uAubrey Ntuli uthi impilo zabantu zijikile ngenxa yale meko yokuthengiselwa amangcwaba ngeli xabiso. “Mna bendingcwaba ngoLwesihlanu lo ugqithileyo ndihlawule imali engangamawaka amabini namakhulu amane erandi (R2400) andingqinelani nalo nto,” utsho uNtuli. Amangcwaba ale ndawo awabiyelwanga kwaye oku kwenza ukuba aphazanyiswe zinkomo nezinye izilwanyana eziyabulayo. Ukanti uceba uthi kudala besenza inzame zokucacisela abantu baseDimbaza ngale ngxaki. “Le yinto ethethwa yonke le mihla kwintlanganiso sizama ukucacisa ukuba kwenzeka ntoni ngentlawulo yale mali,” utshilo uTokwe. Ukanti uNtuli uthi abaphumlanga zizikhalazo zabahlali abakhalela amaxabiso aphezulu okungcwaba eDimbaza.

“Sizakuthatha amanyathelo kungekudala kuba abantu bayakhala ngale mali siyihlawula apha, iintsapho azingcwabani kuba abantu bahlala kude abakwazi kuleqa imingcwabo ephakathi evekini,” uthethe watsho uNtuli. Abanye babhenela ekungcwabeni ezilalini ukubaleka le mali ingaka.