Amapolisa aseBhayi aqhuba nophando lwawo kulandela isehlo sokudlwengulwa komfundi kwiYunivesithi iNelson Mandela (NMU) kwikhampasi eseSecond Avenue, nto leyo ishiye ingqumbo noloyiko olungathethekiyo kwabanye babafundi.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi lo mfundi, okwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu, udlwengulwe emva kokumbonzeleka kwendoda engaziwayo ngethuba lo mfundi kwakunye nomhlobo wakhe bebexakekile befunda kwigumbi lekhompyutha.
Umhlobo wexhoba elidlwenguliweyo uye wahlatywa yile ndoda, ekwaphange neefowuni kwanezipaji zaba bafundi.
UNaidu uthi emva kokudlwengulwa kwalo mfundi kwigumbi lekhompyutha, lo nqevu uphele enyanyeni nekhompyutha.
“Ukwayalele aba bafundi ukuba bamphathise le khompyutha wayokutsiba ecingweni, emva koko wathi mabamnike xa sele etsibile,” utshilo uNaidu.
Esi sehlo simkhathazile uSodolophu waseNelson Mandela Bay uAthol Trollip, nalapho athe wasikhalimela esithi umthandazo wabo uya ngqo kula maxhoba mabini axhatshazwe engaphakathi esikolweni.
“Lixesha lokuba umphathiswa wamapolisa kuzwelonke angenelele kulwaphulo-mthetho olumandla kule dolophu. Kwiinzame zam kwinyanga yeThupha ndandide ndabhalela nomphathiswa uFikile Mbalula ekubeni angenelele,” utshilo uTrollip.
Isithethi saseNMU uZandile Mbabela uthi bothukile sesi sehlo, watsho esithi amaxhoba afumana uthuthuzelo lomphefumlo logama iyunivesithi inikele amapolisa ukuba aqhube nophando lwawo.
Umbutho wabafundi iSASCO eNMU uthi kuyacaca ukuba iYunivesithi le iyaqhubeka “nokungakhathali” ngokhuseleko lwabafundi.
ISASCO ithi kudala ithethana nabakulawulo eNMU ngomba wokhuseleko kwikhampasi iSecond Avenue nanjengoko isecaleni yodwa, nto leyo yenza kube lula kwizaphuli-mthetho ukuba zenze unothanda wazo kubafundi.
Amapolisa abongoza kubahlali ekubeni basebenzisane ukulwa ukudlwengulwa kwabantu basetyhini abangakwazi ukuzilwela.
Livuliwe ityala lokudlwengula nokuphanga, umrhanelwa akakabanjwa.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike