Kuphandwa isehlo sokuphanga kwii-ofisi zeDA

Amapolisa aseRhini aphanda ityala lokuphanga kuxhotyiwe emva kokuba inkosikazi exelenga kumbutho weDA ithe yaxhonyiswa yathathelwa inkuntyula yemali kwii-ofisi zalo mbutho eRhini ngoLwesine.

 

Ngokwengxelo ephuma kwinkokeli yeDA eMakana uMlindi Nhanha, le nkosikazi ixelenga kwiDA, ibiyokukhupha imali kwibhanki ekufutshane kwaye kucaca ukuba ithe yaqatshelwa ngamadoda athile.

 

Isithethi samapolisa aseRhini uKapteni Mali Govender uthi le nkosikazi ithe xa ithi cakatha kumasango ee-ofisi zalo mbutho, kwangena ndoda ithile iphethe umpu. “Le ndoda itye yanyanzelisa le nkosikazi ukuba ilale phantsi, yafuna imali. Ithe yakuba inikiwe imali, yaphinda yafuna esinye isixa futhi yasinikwa,” utshilo uGovender.

 

UGovender uthi besele kukho namanye amadoda ekucaca ukuba ahamba nale ibiqale yafika. Emva kokuphanga, la madoda aye aphela enyanyeni nesixa esingachazwanga.

 

Akukho mntu uthe wonzakala kwesi sehlo, ngokokutsho kukaGovender.

 

UNhanha uthi ugxa wabo ebeyokukhupha le nkuntyula ebhankini ngeenjongo zokuba lo mbutho uhlawule iindleko zomngcwabo welungu leDA ebelisandul’ ukubhubha.

 

Lo kaNhanha uthi othuke kakhulu amalungu eDA lolu phango. “Kodwa siyawabulela amapolisa aseRhini noonogada bakwa-Hi Tec ngokukhawuleza bafike noxa nje kungekabanjwa mntu,” utshilo uNhanha.