Kuphandwa ityala lokudutyulwa kwenkosikazi

Amapolisa akuGatyana aphanda ityala lokubulala emva kokudutyulwa kwenkosikazi eneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu ngokuhlwa kwangoLwesibini.

Umfi ebekunye nomyeni ngethuba edutyulwa. Esi sehlo senzeke kwilali iNquba kuMahasana. Ifowuni yomfi iye yathathwa ngabarhanelwa ababini abenze eli sikizi.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi amapolisa aphanda unobangela weli sikizi.

Onolwazi ngesi sehlo uyacelwa ukuba atsalele umnxeba amapolisa akuGatyana ku: 047 499 6200.