KUBHUBHE abantu abathathu bosapho olunye ngenxa yomlilo ngentseni yanamhlanje kwilali yaseZeleni eQonce.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondweni uKapteni Siphokazi Mawisa, ithi kulo mlilo kubhubhe owasetyhini oneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe ubudala (67), abazukulwana bexhoba ababini abangamantombazana, oneminyaka emithathu (3) kwakunye noneminyaka emithandathu (6) bezelwe.
Lo mlilo awaziwa ukuba uqale njani.
UMawisa udiza ukuba akukho nyawo lwamfene lukrokrelwayo okwangoku. Uthi amapolisa asaqhubekeka nophando malunga nonobangela wokubhubha kolu sapho. Amapolisa alivulile ityala.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala