EGcuwa, kwivenkile yakwaShoprite ezinze emveni kweenkundla zamatyala kuphangwe isixa semali esingachazwanga ngamadoda amathathu ebexhobe efohlele ngentseni yanamhlanje.
La madoda kuthiwa angene kule venkile emveni kwentsimbini yeshumi kusasa ze amemela ukuba wonke ubani ongaphakathi alale phantsi ngesisu.
Emva koko kuthiwa aye kwindawo ehlala imali azidaphela, abeleka abasicatyana ngemoto encinane ebebehamba ngayo.
Oziboneleyo, ongafunanga igama lakhe lichazwe, uthi uve ngezithonga ezibini zompu, wathi xa ephakamisa intloko wabona imoto eluhlobo lweMercedes Benz engenazinombolo ibaleka.
Umama ozithengiselayo ecaleni kwale venkile yakwaShoprite uthi yena ubaleke washiya nezo zinto azithengisayo ngenxa yokoyika.
“Ndithe ukuva kwam isithonga sompu, ndabona nabantu bephuma bengilana kwaShoprite, abanye bezokugila izinto zam, ndabelaka nam” utshilo.
Omnye umntu oziboneleyo nobesecaleni kwale venkile ngexesha kusenzeka oku, uthi amadoda amane aphume kwimoto encinci angena ngaphakathi kwaShoprite, emva koko kwavakala izithonga zompu kwaphuma nabantu bebaleka.
Emveni kwemizuzu eqikelelwa kwengamashumi amabini aphume la madoda epholile kwaye efihle imipu yawo, njengoko ebengene eyifihlile kakade ze angena kule moto ebehamba ngayo abaleka.
“La madoda ebengasoze acingeleke ukuba azokuphanga kuba ebengazifihlanga ebusweni, nangexesha ephuma ebengazifihlanga kwaye ehamba epholile” utshilo oziboneleyo.
Isithethi samapolisa waseGcuwa kunye neziphaluka uKhapteni Jackson Manatha uthi la madoda athe akungena kwaShoprite akhupha imipu akhomba abasebenzi efuna imali.
“Siphanda ityala lokuphanga njengoko ubona ukuba sisajonga umonakalo, kodwa ingxelo esiyifumeneyo yeyokuba abarhanelwa babeleke nesixa semali” utshilo uKhaptheni Manatha.
Ukanti kolu phango akukho mntu wonzakeleyo kwaye okwangoku amapolisa alandela ekhondweni labarhanelwa.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM