‘Kuphelile ukuqeshana ngokuzalana nangokulalana’

UMBUTHO wabahlali baseMakhanda iUnemployed People’s Movement (UPM) uthi isigwebo seNkundla ePhakamileyo yala dolophu sokuba mawuchithwe umasipala waseMakana siza kuthumela ilizwi elingqongqo lokuba kuphelile ukwenza “unothanda” kwamasipala.

Kule veki iNkundla ePhakamileyo yaseMakhanda igwebe ngelithi mawuchithwe umasipala waseMakana, ibalula ukusilela kwalo masipala ekuseni iinkonzo eluntwini njengesizathu. Inkundla yaseMakhanda ikwabalule ukuba lo masipala, amatyeli aliqela, uwutyeshele uMgaqosiseko.

Esi sigwebo sithi makonyulwe umlawuli kamasipala (administrator). Lo mlawuli kufuneka asebenze kwisicwangciso sokubuyisela esiqhelweni izinto zikamasipala kwanokuzinzisa ezezimali.

Ezinye zezinto osilela ngazo umasipala waseMakana, ngokokutsho kwabahlali, ngamanzi, ukucholwa kwenkunkuma, ukuqeshana ngokuzalana nangokulalana, ubuqhophololo, iindlela ezingekho semgangathweni, ukubala nje ezimbalwa.

Inkokheli yeUPM, uAyanda Kota, uthi: “Sivuyile kakhulu, kuba kaloku amaxesha amaninzi xa sithetha ngezi zinto zokusilela ekuseni iinkonzo eluntwini lo masipala waseMakana ebeqhele ukuthi sithetha into engekhoyo, besithi bayasebenza bona.”

“Ngoku ke ngoku inkundla itshilo ukuba bayasilela ekuseni iinkonzo eluntwini. Siye savuya kakhulu kuba ezi mfuno zabantu kudala sizilwela, inkundla iye yangenelela yaqinisekisa ukuba intando yoluntu iyafezekiswa,” utsho uKota.

UKota uthi kudala beqhuba uqhankqalazo eMakhanda, kodwa bengamameleki.

“Imbi into yokuba abantu kufuneka babhenele ezinkundleni phambi kokuba bahoyakale. Imbi futhi into yokuba oosopolitiki abakoomasipala kufuneka bamamele abantu bemibutho yabo kuphela, endaweni yokumamela abahlali bephela.

“Ngenxa yesi sigwebo, iza kuphela into yokonyula iinkokheli zopolitiko koomasipala, kanti sibonyulela ukuba babengoohlohlesakhe, abajongene neziqu zabo, abajongene neepokotho zabo. Iza kuphela ngoku into yoomasipala abaqesha ngokobuqabane okanye ngokulalana,” kutsho uKota.

Inkokheli yeDA uNqaba Bhanga uthi bayasamkela esi sigwebo, ekwathi kudala bememelela ukuba mawuchithwe lo masipala.

UKota woleke ngelithi: “Esi sigwebo ngumyalezo ongqongqo othi ezo zinto bayazenzela, aziyonxalenye yoMgaqosiseko weli lizwe. Esi sigwebo siyasivuselela ngokomsebenzi wethu, kuba ngoku ngaphandle kokungena ezitalatweni siqhankqalaza siza kuya enkundleni xa singoneliseki.”

Isithethi seNkulumbuso uOscar Mabuyane, uMvusiwekhaya Sicwetsha, uthi baza kubhena kwesi sigwebo, ngoko akukho sigqibo siza kuthatyathwa de kumanyelwe isibheno. “Urhulumente wephondo uzimisele ukuqinisekisa ukuba umasipala waseMakana usebenza ngendlela eyiyo,” utsho uSicwetsha.