Kuphethulwa isoyi eMbhashe namhlanje

Umphathiswa wezendlela kweli phondo leMpuma Koloni, uThandiswa Marawu, uzakube ephethula isoyi ngale ntsasa, apho kuzakuthi kwakhiwe khona indlela uDR08046, ndlela leyo iya kwidolophu yakuGatyana ephantsi komasipala waseMbhashe.

Oku kwakudizwe ngulo mphathiswa kwintetho yakhe yobume bezimali ukuba, kuzakukhawuleziswa kulungiswe iindlela ingakumbi eziya ezikolweni kwakunye neeKliniki.

Oku kuza kuthi konyuse noqoqosho loosomashishini bala mmandla, kuthobe nezinga leengozi eziliqela ezithe zenzeka kwezandlela.

Oku kuzakuthi kuphucule neendlela ezikwiidolophu ezinendlela yegrabile.

Oku kuzakuthi kuthathe inyanga ezili-18 kwaye imali ebekelwe bucala yi-R88 751.67.