Kuphethulwe isoyi yeziko lenzululwazi kuCofimvaba

Umphathiswa wesebe lenzululwazi nobuchwepheshe uNaledi Pandor uphethule isoyi kumhlaba waseCofimvaba, apho kuza kwakhiwa iziko lenzululwazi elixabisa imali engamashumi amathathu ezigidi zeerandi (R30 million).

Ebephelekwa ligqiza eliquka usekela mphathiswa wesebe lemfundo esisiseko * -Enver Surty, uGqirha Phil Mjwarha ongumlawuli jikelele kwisebe lenzululwazi nobuchwepheshe, igosa eliphezulu lemfundo eMpuma Koloni uRay Tywakadi, uKumkani Siyambonga Dalimvula Matanzima wabaThembu baseRhode, uKholiswa Vimbayo ongusodolophu womasipala waseNtsika Yethu, uMalizole Skama ongumhloli oyintloko kwisithili saseCofimvaba, igqiza leenjineli, amagosa esebe lemfundo namanye amasebe aseburhulumenteni, abafundi noluntu jikelele.

UPandor uthe, umsebenzi wokwakhiwa kweli ziko uzakuqalisa kungentsuku zatywala nanjengoko kulindeleke ukuba ube uyaqukunjelwa kwinyanga yoMnga kulo nyaka, ukuze livulwe ngokusesikweni iziko eli kweyoKwindla kunyaka ozayo, waqinisekisa kananjalo ukuba ngabantu bale ndawo ubukhulu becala abazakuxhamla kumathuba engqesho xa kusakhiwa.

“Sizimisele ukuba iphele into yokusokola kwabantwana bethu kwizibalo nenzululwazi, kwaye ubuchwephetsha kumele ukuba ibekukutya kwabo. Ngumnqweno karhulumente ukuba abantwana basezilalini benze ngcono kakhulu, bagqame bafikelele apho bangafikelelanga khona abangaphambi kwabo, kuba sifuna iingcali, iinjineli, oonjingalwazi nenkcuba-buchopho apha.

“Mabaphefumle, baphile inzululwazi bayiphathe ngezandla ibe yinto yabo yemihla ngemihla,” kutsho uPandor.

UVimbayo wenze omkhulu umbulelo kumphathiswa ngokuba ezise eli ziko kule ndawo yaseCofimvaba, “kuba loo nto ayonelanga nje ukuphakamisa igama ledolophu yethu, kodwa izakusincedisa ukurhweba abatyali zimali abasuka kwezinye iindawo, kutsho kwande amathuba engqesho kubantu balapha, ngaphezu koko lizakwehla nezinga labantwana abayeka isikolo.”

USinethemba Sijula (16) owenza ibanga leshumi nofundela ukuba yingcali kwinzululwazi uthe ufuna ukuba ngowalapha kule ndawo aqeqeshelwe ubuchwepheshe ukuze iphele into yokuba kuxhonyekekwe kubantu bezinye iindawo xa kufunwa iingcaphephe zenzuluwazi.