Kuphikiswana ngenyewe yabacimi mlilo eKhanada yimanyano iNUMSA nesebe lezendalo

NANGONA bebuyele ekhaya abacimi mlilo beli ebebeyokuncedisa ukucima umlilo kwelaseKhanada, ukutyholana ngeemeko abasebenze phantsi kwazo kusaqhubeka.

Aba bacimi mlilo babambe uqhankqalazo ngethuba bekwela zwe bekhalazela imivuzo ephantsi.

Bebefumana intlawulo yamashumi amahlanu eedola zaseMelika ngosuku, ishumi elinesihlanu belinikwa ngosuku ngethuba bephaya, ngelixa amashumi amathathu anesihlanu omvuzo wosuku bebewagcinelwa yinkampani uWorking on Fires ngelithi bazakuyifumana xa bethe babuyela ekhaya.

Abacimi mlilo bathatha inyathelo lokugwayimba emva kokufumanisa ukuba ngokomthetho kumele ukuba bazuza amashumi amabini eedola zaseMelika ngeyure. Urhulumente waseKhanada udize ukuba yi170 yeedola zaseMelika abayichitha kumsebenzi ngamnye ngosuku ngaphandle kwendawo yokuhlala nokutya.

Ugwayimbo lababacimi mlilo nelikhokelele kwelokuba babuyele ekhaya lamkelwe ngezandla ezishushu yimanyano yabasebenzi iNUMSA.

Le manyano ityhole inkqubo yesebe lemisebenzi yoluntu iEPWP ebebephantsi kwayo aba basebenzi ngelithi ixhaphaza abasebenzi. Isithethi esilibambela kule manyano uPatrick Craven uthe, inkqubo yeEPWP idalelwe ukuxhaphaza abantsundu ngengqesho yethutyana endaweni yokunikwa umsebenzi osisigxina kwiinkonzo zoluntu.

UCraven ubongoze ababacimi mlilo ngelithi mabazibandakanye nale manyano ukuze balwe nokuxhatshazwa. Noxa kunjalo isebe lezendalo ligxeke le manyano ngelithi bubuxoki ingxelo ethi bebexhatshazwa ababacimi mlilo. Ingxelo ekhutshwe leli sebe ithi, “Ingxelo yeNUMSA ayinabunyani, ayenzi galelo ngaphandle nje kokuzama ukuxabanisa.”

Eli sebe likwathe abacimi mlilo bayinxalenye yenkqubo ephantsi kweEPWP eyasungulwa ngo2003 nesele isebenze ngempumelelo namanye amzwe angaphandle. Eli sebe likwathe zilishumi elinesibini iinkqubo zezemvelo phantsi kwalo neziphantsi kwenkqubo yeEPWP yesebe lemisebenzi yoluntu.

Likwathe intlawulo exhanyulwa ngabasebenzi ilawulwa ngumthetho wesebe lemisebenzi yoluntu. “Abanye kwaba bacimi mlilo bafumana imisebenzi kwiinkampani zabucala, ngelixa abanye befumana imisebenzi yokugada amahlathi, kumapolisa nakumkhosi wezokhuselo weli,” ihambise yatsho ingxelo yesebe lezendalo. Iqhube yathi, abanye baphuma kwiinkqubo zoluntu baziqalele amashishini abo.

Umphathiswa wesebe lezendalo uEdna Molewa uthe, “Ingxelo yeNUMSA ibonakalisa ukuba abanalwazi lipheleleyo ngonobangela wempixano ngethuba aba basebenzi bekwelaseKhanada.”

Ukwathe uphando olugcweleyo lisaqhuba ngezizathu ezikhokelele kugwayimbo laba bacimi mlilo.