Kuphilwa ngamacebo alusizi kwaMam’uNogcinile ohlala nabantwana abashiywa ngunina

Umama uNogcinile Busuku osokolayo ungqongwe ngabazukulwana bakhe abangasifumaniyo isibonelelo sikarhulumente kuba bengenazo izatifiketi. Umfanekiso: Pedro Mapelo/ANA

Ikati ilele
eziko emzini kaMama uNogcinile Busuku ohlala nabantwana abancinane
abangasifumaniyo nesibonelelo sikaRhulumente. UMam’ uNogcinile, 59, welali yakuTyhothi,
eDutywa, uphila ngamacebo alusizi kuba akanayo nepeni emdaka yokuzithengela
ukutya nabazukulwana bakhe. Njengomntu osweleyo, uthi ukuze atye aphiwe
ngabantu bakuTyhothi nabanye abamaziyo – kodwa imeko imbi kakhulu ngoku kukho
ikhorona ngoba kuthiwa abantu mabahlale izindlini zabo. Emzini wakhe uhlala
nabantwana abancinane abathathu nabafana abadala ababini. UMam’ uNogcinile uye
aphiwe imali yokutya ngunyana wakhe oseGoli xa efumene umsebenzi wethutyana –
kodwa lo nto yenzeka manqaphanqapha ngoba naye akasebenzi. Abantwana ahlala
nabo bashiywa yintombi yakhe ehlala eKapa ngoku. Omdala ebantwaneni uneminyaka
elithoba, omnye uneminyaka esixhenxe aze omncinane abe nemihlanu.

                          

Bobathathu
abantwana abasifumani isibonelelo sikaRhulumente ngoba abanazo
“izatifikethi zokuzalwa” futhi nonina wahamba engayanga
kubabhalisa kwisebe lentlalontle. I’solezwe lesiXhosa lihletyelwe ngemeko
yabantwana ngumntu osebenza esikolweni. Oonontlalontle ababefike esikolweni saseLaphumilanga Primary School zange bancedise nangona
bayibonayo imeko yabantwana. Ngaphandle kokutya okungekhoyo, imeko yendlu abahlala
kuyo kwaBusuku imbi kakhulu. Nangona indlu ibethelelwe ngamazinki – kodwa
ayinazo iifesitile. “Ndithi ize ndifumane ukutya ndithotyelwe imali yintwana
yam eseRhawutini. Zikhe zihambe iinyanga ngoba kaloku umsebenzi unqabile. Ndiya
emzini ndinikwe into etyiwayo. Aba
bantwana bathathu ngabentombi yam, abanazo izatifiketi. Bekunzima kufike
oonontlalontle esikolweni. Bathi masingabayeki oonina babantwana basishiye
nabantwana abangenayo imali,” utshilo uMam’ uNogcinile.

                          

“Ndifuna
ipeyi – kodwa ke ndifuna uncedo ngoba andinanto,” uvale ngaloo mazwi uNogcinile.
Njengomzi onabantwana ekungekho kwamntu osebenzayo kuwo, akukho noceba owakhe
wazama ukubabhalisa kwinkqubo yeembedlenge. I’solezwe lesiXhosa lithethe noceba
wakwaWadi 8, uMnu. Sithembele Mwahla, oyothukileyo imeko yakwaBusuku xa
eyixelelwa. “Hayi, zange ndive ngemeko yakwaBusuku. Ndiza kukhe ndithethe
nelungu lekomiti yeWadi,” utshilo uceba. Ngaphandle kwezetifiketi zabantwana
ezingekhoyo, isazisi sikaMam’ uNogcinile sifuna ukuhlaziywa ngoba sidala futhi samoshwa
ngamanzi.