AmaPolisa aseMpuma Koloni acela intsebenziswano kuluntu ekusombululeni ityala labantu ababini abadutyulwe babulawa kwaye owesithathu wonzakala kwisitalato iHigh Street eCofimvaba.
La madoda mathathu (3) elizwe lase-Ethiopia naphakathi kweminyaka engama32 ukuya kuma35, ahlaselwe ngamadoda amabini angaziwayo awadubula kwishishini lawo elikumbindi wedolophu izolo ngokwengxelo yamaPolisa.
Ngokwengxelo kaCaptain Namhla Mdleleni, ithi, emva kokudutyulwa kwawo amaxhoba, abalekiselwe kwisibhedlele esikufutshane, ababini kubo babhubhe ngethuba bengena esibhedlele ngenxa yobunzulu bamanxeba. Ixhoba lesithathu lilwela ubomi balo esibhedlele.
UMdleleni uthi, kuvulwe amatyala amabini okubulala nelinye lokuzama ukubulala. Kusaqhutyekekwa nophando.
Umnqa ngowokuba kwakule nyanga ka-Agasti kubhubhe ummi wasePakistan bexhwiliwe bebabini omnye wasinda kwivenkile yabo ngoJulayi kwaseCofimvaba. Kwesi siganeko baye bafunyanwa ehlathini eMgwala kwaseCofimvaba omnye esaphila wabalekiselwa esibhedlele logama omnye ebhubhile.
Imali engangeR300 000 bayibhatala kubaxhwili nababefuna izigidi ezihlanu (R5 million).
UCaptain Mdleleni uthi, nabani na onolwazi uyabongozwa ukuba atsalele uDetective Sergeant Luleka Vuyo Ngwane ku-08600 10111 okanye kwisikhululo esikufutshane.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV