Kuphunyezwe iiphedz zasimahla ezikolweni

Intloko yesebe lezeMali uDaluhlanga Majeke, uMphathiswa uMlungisi Mvoko, igosa elingachazwanga kwanesithethi uMzukisi Solani

Urhulumente waseMpuma Koloni uphumeze izigidi ngezigidi zeerandi kwiphulo lokunikeza simahla nge Sanitary Pads kumantombazana akwizikolo ezingahlawulelwayo.

Oku kubhengezwe nguMphathiswa wezeMali uMlungisi Mvoko ngethuba esenza intetho yohlahlo lwabiwomali eBhisho kwiveki ephelileyo.

UMvoko ubhengeze imali engange-R65.3 million yokulwa nodushe olujoliswe kwisini, ukufundisa ngezifo ezosulelayo zesondo, iSanitary Dignity Project kwanokongezwa koonontlalontle.

“Sikholelwa ukuba le yinto ebalulekileyo kumantombazanana aselula ezikolweni. Ukumiliselwa kwale projekthi kuza kuphucula ukuhanjwa kwesikolo ze kuzise nesidima kwanokuzithemba kumantombazana aselula esikolweni,” utshilo uMvoko.

Ecasisa ngendlela ezakuhamba ngayo le projekthi, intloko yesebe lezeMali ephondweni, uDaluhlanga Majeke, uthe: “Okwangoku siza kuqala kakhulu ngezikolo, ezo zingahlawulelwayo (Quintile 1, 2, 3). Emva koko siza kubona ukuba le nkqubo siyixandisa njani ngokujonga namanye amabhinqa akwimfuno.”

Kusenjalo uMvoko ubhengeze iR27.1 million yokujongana neemfuno zamakomkhulu asixhenxe kweli phondo.

La makomkhulu yiNqadu kuGatyana, iMngqesha eQonce, iBumbane eMthatha, iRhode kuCofimvaba, iNyandeni eLibode, iNdimakude eFlagstaff kwaneKroza kuQumbu. Le mali iza kunceda amakomkhulu kwiimfuno zawo. UMvoko uthi oku kukuqinisekisa ukuba iikumkani “zinezixhobo zokusebenza”.

Amanye amanani abalulekileyo kwintetho kaMvoko aquka iR45.3 million yokumilisela inkqubo yezempilo iNational Health Insurance, iR572.7 million yokuqinisa ukufunda nokufundisa kuka Grade R, iR37.8 billion yokuqinisekisa ngenkxasomali kwizikolo ezingahlawulelwayo, ze iR2.3 billion yabekelwa bucala ukuphucula iindlela.

Iyonke imali ehlahlelwe iphondo kunyakamali ka2020/21 yiR85.9 billion. Kule mali ubuninzi buya kwezemfundo (R37.8 billion) ze iR26.4 billion iye kwezempilo.