Kuphunyezwe iR75 million yokunceda amashishini ephondo

UMphathiswa woPhuhliso loQoqosho uMlungisi Mvoko UMFANEKISO: Facebook
URHULUMENTE waseMpuma Koloni ubekele bucala imali ekwizigidi ezingamashumi asixhenxe anesihlanu zeerandi (R75m) ukuxhasa iinkampani zasephondweni ezizibona zikwiingxaki ngenxa yentsholongwane yeKhorona.
Oku kubhengezwe lisebe loPhuhliso loQoqosho ephondweni ngoLwesihlanu. 
Oku kuza kongeza kwimali eyiR17.4 million, ebisele ikhona, neyingxowamali yokukhuthaza iinkquleqhu zokudala imisebenzi (Job Stimulus Fund). 
Noxa nje le ngxowamali (Job Stimulus Fund) ihlelelwe ukukhusela imisebenzi, ukufika kwentsholongwane yeKhorona kubangele ukuba inxaxhe kumsebenzi wayo. 
Ukuza kuthi ga ngoku, urhulumente wephondo sele eziphumezile izicelo zokuthoba udandatheko ngenxa yentsholongwane yeKhorona kwiinkampani ezibethakeleyo ze zanikwa iR5.81 million kwaye kwasinda ekudendweni imisebenzi ekumakhulu amahlanu anamashumi asibhozo ananye (581). 
Amashishini abetheke yiCovid-19 nanomdla ekufakeni izicelo zenkxasomali angandwendwela le webhusayithi www.mscec.co.za