Kuqatsele isinxilo samanina eBhayi

Usodolophu waseNelson Mandela, uMongameli Bobani, uthabathe inxaxheba kumsebenzi wokhuseleko ezindleleni ngoLwesibiniUmfanekiso: Mpumelelo Matwa

Axakene nesinxilo sasezindleleni amagosa ezeendlela kumasipala waseNelson Mandela.

La magosa athi isinxilo sibhokile kwiindlela zaseBhayi; utywala budlal’ abantwana ezimotweni, kunxila nothathatha.

Ngokwengxelo ezidizwe sisithethi salo masipala, uMthubanzi Mniki, uthe aba sigaxamabhanti bebemanxadanxada kule mpelaveki siphuma kuyo; bevale iikona zonke zeendlela nalapho bavuthelise babamba kwanto.

Uthe kwakulo msebenzi kukhutshwe endleleni namabukubela ezinye izithuthi.

Uhambise wathi baphakathi kwamashumi amabini anesixhenxe abathe babanjwa, kuquka iimveku namaxhego.

Uqhube wathi ngoLwesihlanu babambe ishumi elinanye labaqhubi abanxilileyo aze ngoMgqibelo abamba ishumi elinesithandathu labanye ababetshicela esifubeni nabo.

“Kweli nani omdala kubo liqina eliminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55) ubudala ize ibe yidyongo eyintombi eminyaka ilishumi elinethoba (19),” utshilo okaMniki.

Ukudize oku esithi imilinganiso yokuvutheliswa ide yayokutsho naku 0,94mg yotywala kwi1000ml yegazi.

Utyhutyhe wathi isebe lezendlela livakalise ukuxhalaba sisinxilo esiqatseleyo kwicala lamanina esithi yinto entsha engaqhelekanga ukuqhuba ezitshizile.

“Kubanjwe kwavalelwa intlaninge yawo emva kokufunyanwa esevilini lokuqhuba ezithe jize kanobom ngeenyembezi zikaVitoliya, siyacela sibongoza koosisi noomama bethu ukuba bakhe bathi xha ngoku. Kwanele. Kungenjalo bayakudibana neembila zithutha zibafake engozini enkulu ngesi senzo!” udomboze watsho okaMniki.

Ukuvalwa kweendlela nokuvutheliswa kwabaqhubi eBhayi izakuba yinto yemihla ngemihla nanjengoko le iyinyanga yezothutho kwaye kukwasondele nenyanga kawayidlokova.