UMongameli welizwe laseDemocratic Republic of Congo (DRC), uFelix Tshisekedi, akavumanga ukuhlala intlanganiso noMongameli welizwe laseRwanda, uPaul Kagame.
Kuthiwa le ntlanganiso ibijoliswe ukukhangela isisombululo phakathi kwamacala amabini ajijisanayo, iM23 noRhulumente kaTshisekedi. Ilizwe laseRwanda lityholwa ngokuba lelona lihamba phambili ukunika izixhobo nolunye uncedo kwiqela loophuma silwe beM23.
Le ntlanganiso bekulindeleke ukuba iqhubeke ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga.
Umlo ophakathi kweM23 namajoni endibanisela yeSADC kwakunye noRhulumente waseDRC sele ubangele ukubhubha kwabantu abalikhulu kuquka namajoni alishumi elinesithathu eli loMzantsi Afrika.
Baqikelelwa kwiwaka abantu abathe balimala kabuhlungu ngenxa yalo mlo oqhubeka ingakumbi kwimpuma yeDRC. Ingxelo yeAFP ithi amaziko aquka isikhululo senqwelomoya kwakunye nenxalenye yedolophu yaseGoma ziphantsi kolawulo loophuma silwe beM23.
“Emva kokunqumama komlomo ngorhatya lwangoLwesibini, kubonakala kuphela amajoni weM23 nawaseRwanda ezitalatweni zedolophu yaseGoma,” kutsho ingxelo yeAFP.
Ingingqi yaseGoma ingqongwe yimigodi etyebe zizimbiwa eziindidi ezingunobangela womlo ongapheliyo kwela lizwe laseDRC.
Kuthiwa baqikelelwa kwisigidi abantu abashiye amakhaya wabo ngenxa yale mfazwe nekungekacaci ukuba iza kuphelela phi nanjengoko iinkokheli zixoxa into engenamkhondo.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung