Kuqesha oodadobawo eFrontier!

Bakhala esimantshiyane abongikazi abadinga umsebenzi eKomani betyhola isibhedlele saseFrontier ngokuqesha ngobuqhophololo xa kuqeshwa abongikazi minyaka le.

Eli qela labongikazi lithethe neli phephandaba livakalisa intlungu yalo yokunganakwa xa kuqeshwa sesi sibhedlele sinembali. Ngelikhusela la maxhoba, eli phephandaba aliwavezanga amagama amaxhoba.

“Ngenyanga kaTshazimpuzi ndibizelwe kudliwanondlebe, besibathandathu silindele ukuvavanywa, kwafika intombazana isixelela ukuba ifowunelwe ngudadobawo wayo eyixelela ukuba iza kufowunelwa sisibhedlele, sothuka kuba wayesele ephethe noluhlu lwemibuzo eyayiza kubuzwa,” lithethe latsho ixhoba.

Eli ixhoba ligqibe izifundo zobongikazi ngonyaka ka2014, kwaye lisajikeleza likhangela umsebenzi. Elinye lala maxhoba linyembezana lithethe lathi ngale meko:

“Omnye ufike esixelela ukuba akayazi nale nto ayibizelwe apha, uve ngathi ukuba kuziwe kudliwanondlebe apha, wasixelela ukuba udadobawo wakhe umxelele ukuba makangxame eze eFrontier,” litshilo ixhoba.

UJomo (asilogama lakhe lokwenene), yena uphumelele izifundo zobongikazi eLilitha ngonyaka ka2013, usahleli ekhaya, uyabizwa kudliwanondlebe kodwa akulula ukufumana ingqesho.

“Ndandikho mhla eli nenekazi lalisibonisa imibuzo eliyinikwe ngudadobawo walo, sangena kudliwanondlebe sizilungiselele, ngephanyazo ndajonga uluhlu lwemibuzo kubavavanyi, ndafumanisa ukuba ngenene iyafana naleyo besiyiboniswe leli nenekazi, ndachebelezela ukuphendula, kodwa ndabuya nembande yesikhova,” evakala enoxinizelelo olumandla, utshilo uJomo.

UJomo uthi kubuhlungu kakhulu ukufunda uze uvalelwe ngabantu abasebenzisa amagunya besenza ubuqhophololo.

“Kuyacaca ukuba asinakuze siqeshwe kuba asinazo izihlobo eziseFrontier nakwezinye izibhedlele, ibuhlungu le nto, eyokugqibela yeyokuba sixelelwe ukuba siye kwamanye amaphondo ukuze sifumane umsebenzi,” utshilo uJomo.

Kwiveki ephelileyo, abongikazi abaphuma kwiimbombo zone zeMpuma Koloni, baqhube uqhankqalazo komkhulu eBhisho benyanzelisa ukuqeshwa.

“Besingaqali kulo unyaka minyaka le, oko mna ndaphuma ekholejini siphila ngokuqhankqalaza sicela imisebenzi,” utsho uJomo.

Othethe egameni leSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uLwandile Sicwetsha, uvakalise umothuko zezi ndaba.

“Yhoo! ayamkelekanga lo nto iqhubeka eFrontier, sicela basincedise ukufumana ukuba ngoobani abo bakhupha imibuzo yodliwanondlebe yengqesho beyinika izihlobo zabo,” uthethe watsho uSicwetsha. Uthi kumele ukuba baphume abo bantu kwingqesho yeSebe lezeMpilo eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika. Esi sibhedlele sesinye kwezo zidinga abongikazi kwiMpuma Koloni, oku kubetha ngamandla inkqubo yokugqithiswa kweenkonzo zempilo eluntwini.

“Ingxelo yalo nyakamali ithi kukho izithuba zabongikazi ezikumakhulu amathandathu namashumi asixhenxe anesibhozo kwiphondo ngokubanzi, kweli nani kukho izithuba esele kuqeshiwe kuzo, logama ezinye kusalindeleke ukuba kuqeshwe kuzo, eli nani liyatshintsha inyanga nenyanga kuba kukho abongikazi abathatha imihlalaphantsi, nabo bathi babhubhe,” ucacise watsho uSicwetsha.