Kuxhonyiswe umzi wabangcwabi kwabalekwa nesixa semali esingachazwanga ngabarhanelwa abathathu kwidolophu yase- Dutywa emini emaqanda ngolwesibini.
Amapolisa aseDutywa sithetha nje aphanda ngelo tyala nanjengoko abarhanelwa bengekabanjwa.
Isithethi samapolisa ala ngingqi kwakunye neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthe;
“Abasebenzi balo mzi wabangcwabi bebexakekile behoye umcimbi wokubhatala kwamalungu kamasingcwabane ngethuba kugaleleka indoda enye engaziwayo neyenze ingathi izokubuza ngeenkqubo zalo masingcwabane, ngethuba isazibuzisa ngeenjongo zokuphazamisa aba basebenzi ebhida umkhondo, kungene amadoda amabini nafike sele ekhupha iimela ethatha imali ebiphezu kwetafile kwaba basebenzi ngenkani neyiyileyo ibibhatalwa ngala malungu njengoko ibiyimpela nyanga.
Aba barhanelwa babaleke neso sixa mali singachazwanga nebesingekabalwa ngabasebenzi balo mzi,” udize oko uManatha.
Amapolisa avule ityala lokuqhekeza. Aba barhanelwa bathathu abakabanjwa basabalekile.
Kolu xhomiso akukhange kubekho mntu wonzakalayo, amapolisa abongoza nobani na onokubanolwazi ngaba barhanelwa atsalele kwezi nombolo 047 489 1333 okanye ku08600 10111.
abongile.ginya@inl.co.za
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup