Kuqhekezwe unogada ejongile eMthatha

Kukhangelwa amadoda amabini angaziwayo ngamapolisa edolophu yaseMthatha emva kokuba ethe axhomisa ivenkile ethile ekwisitalato esikhulu iYork Road eMthatha. La madoda axhomise le venkile ilanga lihlabe umhlaba ngoLwesibini.


Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondweni uKapteni Khaya Tonjeni ithi, abarhanelwa bangqale ngqo kunogada emnyango besithi avale umlomo wabe omnye emkhombe ngesibham ngelo xesha besingisele ngakumatshini ohlala imali. 

UTonjeni udiza ukuba, abarhanelwa bafike bafuna imali ngenkani kubasebenzi, ukuyifumana kwabo baphuma babaleka neso sixa semali singaziwayo.

“Sibongoza abaphathi beevenkile ekubeni baqeshe oonogada ababini ukuya ngaphezulu kwaye bafakele noomatshini abathabatha imifanekiso ngaphakathi evenkileni (CCTV)  ngeenzame zokuncedisana nophando lwamapolisa,” utshilo uTonjeni.

UTonjeni ukwabongoza ekubeni oosomashishini bangayigcini ngaphakathi evenkileni ixesha elide imali.

Amapolisa abongoza nabani na onokuthi abenolwazi malunga nabarhanelwa eze ngaphambili kumapolisa, liyakufihlwa igama lakhe. Okanye atsalele umcuphi wetyala ku-071 474 1888.