Kuqhekwezwe ibhanki yaseLusikisiki

Umfanekiso: Uthunyelwe

Amapolisa ommandla waseLusikisiki asaphica ekhangela amadoda axhobileyo aphange ibhanki yakwaStandard Bank ngentseni yanamhlanje. 

Ngokwengxelo liqela lamadoda alinganiselwa kwisithandathu asebenzise uphahla lwale bhanki ukungena ngaphambi kokusebenzisa izixhobo zokusika intsimbi ukuvula imitshini ekhupha imali.

Kuvakala ukuba Amapolisa asabele kule bhanki, ngethuba egaleleka agagene neembila zithutha ngethuba ehlangatyezwa luthotho lweembumbulu.

Konzakele ipolisa emva kokudutyulwa edolweni. Eli polisa lweenziwe uqhaqho esibhedlele laphinda lakhululwa.

Isithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Mduduzi Godlwana uthi abarhanelwa bemke nesixa-mali esingenokhankanywa. 

“Sirhanela unyawo lwemfene kwesisiganeko kuba kuyiwe ngqo kula ndawo ingcina imali, ntoleyo ibonakalisa ukuba esisiganeko besicwangcisiwe. La madoda ebehamba ngezithuthi eziluhlobo lweeSprinter ezithathu,” utshilo Godlwana.

Izithuthi zamapolisa ezimbini zonakaliswe ziimbumbulo kolu qhoqhozwano phakathi koonqevu namapolisa.

UGodlwana ukwathe, “sicela abantu abanolwazi banxibelelane namapolisa, ityala lokuphanga livuliwe ngamapolisa.”

Kunyanzeleke kubizwe amadoda enkampani yakwaSBV ukuzojonga ukuba yimalini emke nabarhanelwa. Ngokwengxelo uninzi lwemali ethathiweyo ibifakwe izolo. Akukabanjwa mntu okwangoku uphando lwamapolisa lusaqhuba.