Kuqhubeka ntoni ngamapolisa?

Umnxeba nanko ukhala pha ngentsimbi yesihlanu kusasa, xa siphendula kuvakala umntu wasetyhini othi I’solezwe malize ngoko nangoko umyeni wakhe umbethela ukumbulala. Sithi sisacela iinkcukacha zakhe ucime umnxeba. Ngethemba lokuba loo mfazi wasinda kweso siganeko.

Kule veki iphelileyo kwakhona ukhalile umnxeba wethu kuvakala ukuba kukho umfazi ohlatywe ngumyeni wakhe ezinzulwini zobusuku; emhlaba nje ebesithi umhlabela ukumbulala kwaye yena akayoyiki itrongo.

Umbuzo wokuqala ngowokuba bangenwe yintoni na aba bayeni? Kutheni umntu ade azimisele ukubulala umntu lo athi uyamthanda okanye awayethe uyamthanda? Xa kukubi emtshathweni kutheni kunzima ukuphuma kuwo?

Umbuzo wesibini, nosikhathaza kakhulu siliphepha, ngowokuba kutheni sele ithemba labantu likwiphephandaba endaweni yokuba baqale amapoliseni? Ingaba yintoni le ibangela abantu baqonde ukuba ityala labo alizokuhoyeka xa liye emapoliseni, kufuneka livele ephepheni ukuze lithathelwe ingqalelo.

Nqwa neziganeko zokudlwengulwa. Umfazi othile pha eMt Ayliff wadlwengulwa kodwa kuba kusithiwa uphazamisekile ngokwasengqondweni ayinokuthenjwa kakuhle into ayithethayo kwaye zange kuvulwe netyala. Siphi na?

Kule veki iphelileyo kuphehlelelwe iintsuku ezilishumi elinesithandathu zokuthi phantsi ngokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana. Siyacinga ukuba kufuneka sigxininise ukubaluleka kwamapolisa kwiziganeko ezinje. Umfazi okanye umntwana makazi ukuba isikhalo sakhe sakuhoyakala xa ebalekela emapoliseni.

Siye sithi xa sitsalele amapolisa umnxeba siwabuza ngezizikhalazo zabahlali bathi abalazi elo tyala okanye abakalivuli ityala balindele umfazi lowo ubethiweyo aqale ayokuhlolwa esibhedlele, nezinye ke izizathu.

Makubelula ukuba umfazi okanye umntwana ophethwe gadalala akwazi ukuya emapoliseni. Ukuba umntu olixhoba lokuxhatshazwa uziva ngathi akahoywa makancede atsalele lo mnxeba 0800 150 150 athethe negosa elinokumnceda.