Kuqhum’ uthuli abasebenzi befuna imali

KUQHUM’ uthuli ngethuba amapolisa evulela ngeembumbulu zerabha kubasebenzi bombutho iSouth African Municipal Workers Union [SAMWU] abebeqhankqalaza embindini wesixeko sakuKomani kule veki.

Ingxuba-kaxaka ivele emva kokuba kungavisiswananga ngezivumelwano zemivuzo phakathi kwabasebenzi nomasipala waseLukhanji.

Uqhankqalazo luvele xa kwiveki ephelileyo abasebenzi balo masipala befumana iimali zezivumelwano ezathi zatyikitywa kunyaka ophelileyo. Kuye kwacaca ukuba uninzi labasebenzi aluhambisani neendlela ezithe zaqhutywa ngayo izivumelwano ezi, kuba iziphathamandla ziye zafumana ukuya kumakhulu amawaka eerandi (R100 000), ngelixa uninzi labamivuzo iphantsi belifumene kuphela ukuya kwishumi elinesibini leerandi (R12 000).

Baye baqalisa ukuqhankqalaza bebonakalisa umsindo wabo ngalo mcimbi apho bafike batshisa amavili eemoto endleleni, bechitha nenkunkuma ebisemigqomeni, kwatsho kwakho ungcoliseko olukhulu kumbindi wedolophu.

Othethela iSAMWU, uMongameli Mancam uthe: “Kuyacaca mhlophe ukuba kudlaliswe ngabasebenzi apha. Siyifumene ingumnqa into yokuba abona bantu barhola kakhulu kulo masipala bafumane imali eninzi kangaka, ekubeni esi sivumelwano besijonge ukucutha ukungalingani ngokwemivuzo.”

Wangeze ngelithi, kuyacaca ukuba abasemagunyeni ngabo abajikele izigqibo, kwaye bengabasebenzi bazimisele ukuyilwa le ntlondi. Kuye kwakho intlanganiso yabasebenzi engxamisekileyo nebineenjongo zokusombulula le ngxaki.

Kuye kwathathwa izigqibo ezithi kufuneka kuthethwe nabasemagunyeni ukuze kufikelelwe kwizivumelwano ezitsha. Baye bacela ukuthethana nomlawuli jikelele kulo masipala, uNolwandle Gqiba naye wathembisa ukudibana nabo.

Kuthe besalinde umlawuli jikelele, basuka bafumana umyalezo othi akasakwazi ukudibana nabo, lo nto ibange umsindo kuninzi labasebenzi. Baye baqalisa phantsi ngoqhankqalazo lwabo, kuthe kusenjalo asuka amapolisa abachithachitha ebadubula ngeembumbulu zerabha.

Kuye kwenzakala abasebenzi abalishumi elinesibini (12) apho bathe babalekiselwa esibhedlele ngokukhawuleza. Abahlanu kwaba (5) basebenzi baye banqakulwa bagityiselwa kwezimnyama izisele phantsi kolwaphulo umthetho lasesidlangalaleni.

Isithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni uthi bazakuvela ezinkundleni zamatyala kungekudala abo babanjiweyo.