Kuqhutywe umthandazo wokugxotha uvutha

UNyanayipheli Dafeti nentombi yakhe uWowo Zanempi belali iGunjana ngabanye babantu abatshelwe yimizi yabo bekrokrela uvutha, emva kwemizi esixhenxe ethe yatsha. umfanekiso: Michael Pinyana

Umasipala iKing Sabata Dalindyebo ugqibe kwelokuba kubanjwe
umthandazo kwilali yakuGunjana eMthatha ethiwe mbende nguvutha. 
Ibalelwa kwisixhenxe imizi esele itshile kule lali ngenxa kavutha.
Ngenxa yale ntlungu, iintsapho ezithile zilala phandle kuba zisoyikisela ubomi
bazo.

Injongo zalo mthandazo, obubanjwe ngale mini, kukuzama
ukugxotha ishwangusha kule lali. 
Lo vutha uqale kusapho lakwaDafeti apho utshise izindlu zane. Emva
koko uye wanwenwela nakweminye imizi.

Umhlali wale lali uKhayalethu Mafa, ochaphazelekiyo kulo vutha,
uthi naluphi na uncedo oluvelayo bayalwamkelwa. “Sixakene nento kule lali, yiyo
le nto samkela nayiphi na into enakusinceda,” kutsho uMafa.
 Ngaphambili, amagqirha nabathandazeli bebekhe bafika kule lali
kodwa akukhange kubekho mahluko.