Kuqhweshe ibanjwa enkundleni eCumakala!

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni abongoza uluntu ekubeni luncedisane nawo ekubhaqeni ibanjwa lelali yakwaZidenge eCumakala. 


Igama leli banjwa nguBuzile Mhlungwani onamashumi amabini anesixhenxe n

eminyaka ubudala. 


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uKapteni Siphokazi Mawisa, uMhlungwani uqhawule ngoLwesithathu ekwinkundla yamatyala.


UMawisa uthi umrhanelwa uqhawule ngethuba ephuma enkundleni esiwa kwizisele zamapolisa.

“Ebevela enkundleni ngetyala ajongene nalo lokuqhekeza. Nalapho inkundla iye yalimisa ityala lakhe ilimisela umhla wesihlanu kwinyanga ezayo yeThupha,” utshilo uMawisa.

Amapolisa ayabongoza ukuba onolwazi malunga nomrhanelwa atsalele umcuphi uSajini Siviwe Jan ku043 683 1177 okanye 082 388 3708.