Kurhwaxwe abantwana kwidama babhubha

Baneminyaka emithathu (3) kuphela bezelwe abantwana ababini abarhaxwe ngamanzi babhuba kwilali iLudaka eNgqeleni.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo, ithi, oku kwenzeke ngoMgqibelo umhla we18 emva kwentsimbi yesixhenxe eLudaka.

Ingxelo iqhuba ithi aba babntwana bebedlala emanzini ngakwidama ngethuba berhaxwa betshona. Omnye wesithathu ebebedlala naye osindileyo uye wabaleka wayokuxela ekhayeni ebantwini abadala.

UMatyolo uthi, kuye kwaphunywa iphulo kuyokukhangelwa abantwana nabaye bafunyanwa sele bengaphezulu emanzini kwaye bengasaphili.

Iqwakuqwaku livuliwe. AmaPolisa akwabongoza abazali ekubeni bangavumeli abantwana badlale kwaye badade bengenamntu umdala ubajongileyo.