Kusafuneka asebenze nzima uCoetzee kwiBoks

U-Elton Jantjies (ome noFaf de Klerk) uphakathi kwabadlali ekungenzeka bangadlali kwiveki ezayo. UMFANEKISO: Samuel Shivambu/BackpagePix

Ukubethwa kweaMabhokobhoko yiArgentina ngokuhlwa kwangoMgqibelo kushiye udano kumqeqeshi u-Allister Coetzee, nabalandeli abaninzi beqela lesizwe.

 

Eyona nto kubonakala ngathi ayikho kwiqela leeBoks ngalo mzuzu sisantya kunye nesakhono sokuthatha izigqibo kubadlali. Ezizinto zinakho ukulungiseka kwezintsuku zizayo ukulungiselela ukuba iqela likaCoetzee libuyele kule Championship.

 

IiBoks zibethwe ngo’26-24 ngoMgqibelo kumdlalo wazo wesibini ne-Argentina eSalta. Eziziphumo zingancumisiyo kulindeleke ukuba kuvuse eli qela emaqandeni. Akuz\ukuvuka nje abadlali kuphela nabaqeqeshi kodwa negqiza elityumba abadlali kufuneka livukile.

 

Umdlalo olandelayo waMabhokobhoko uphakathi kwawo nee-All Blacks kule Championship. Enye yezinto ezenza ukuba lihambe phambili eli qela leKiwies kukuba bayichana kakuhle indlela oqhutywa ngayo umdlalo welixesha. Abadlali baphambili beNew Zealand bayakwazi nabo ukunikana ibhola kakuhle kwaye isantya sikhona.

 

Umqeqeshi kufuneka aqiniseke ukuba uzakufumana omnye umdlali ozakudlala ephikweni kwakhona kwiqela lesizwe kumalungiselelo wemidlalo ezayo. Namhlanje kulindeleke ukuba umqeqeshi abhengeze abadlali azakuhamba nabo ukuya kwimidlalo e-Australia naseNew Zealand kwiveki ezayo.