Kusakhangelwa otyholwa ngokuba yinkokheli yoozama zama oqhweshe eluvalelweni lwamapolisa

UJames Neo Tshoaeli otyholwa ngokuba yinkokheli yoozama zama uqhweshe eluvalelweni lwamapolisa.

Umkomishinala wamapolisa obambeleyo eMntla Ntshona umemelele ukuba kuthatyathwe amanyathelo kulandela ukuqhwesha kotyholwa ngokuba yinkokheli yoozama zama.

UJames Neo Tshoaeli owaziwa ngokuba nguTiger kukholelwa ukuba uye waqhwesha elugcinweni lwamapolisa emva kokuphuma kumgodi waseStilfontein kwiveki ephelileyo.

Ngokutsho kwamapolisa, uTshoaeli uchongwe njengenkokeli elawula umsebenzi phantsi komhlaba.

Ukwajongene nezityholo zokuba ngunobangela wokubhubha koozama zama kwakunye nokubaphatha gadalala, ukubahlasela kunye nokuvimba amanye amadoda ukutya.

Isithethi samapolisa kuzwelonke, uBrigadier uAthlenda Mathe, uthe uTiger, ongummi waseLesotho, akazange afakwe nakwesiphi na isikhululo samapolisa apho abanye oozama zama bebegcinwe khona.

“Uphando olubanzi kunye namaphulo okukhangela ayaqhubeka ukufumana loo magosa aququzelele ukuqhwehsa kwakhe emgodini esiya kwizisele zamapolisa aseStilfontein.

“Ngokweerekhodi, uTiger akazange abhukishwe kwezinye izikhululo ezahlukeneyo apho abanye oozama zama bagcinwe khona. UTiger akalaliswanga nakwisibhedlele sasekuhlaleni ukuze afumane unyango,” utshilo.

Umkomishinala wamapolisa obambeleyo eMntla Ntshona, uMajor General Patrick Asaneng, uvakalise ukuphoxeka kwinto ayibiza njengehlazo kwiphulo iVala Umgodi eliqhuba ukusukela kwinyanga yoMnga ka2023.

Uluntu luyacetyiswa ukuba lwabelane ngalo naluphi na ulwazi olunokuthi lube nalo olumalunga nalapho akhoyo kwisikhululo samapolisa saseStilfontein.

Kwiveki ephelileyo, oozama zama abangama246 baye bahlangulwa kulo mgodi ungasasetyenziswayo. Amaqela ohlangulo nawo afumene imizimba engama78.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.