Lusothukile usapho lakwaWasale eNjingini kuCentane emveni kokuba kuthe kwasa kuxhonywe unina wabo ngentambo kuRonta wakhe alala kuwo.
Ixhoba nguNophumzile Wasale (84) ekuse exhonyiwe kumvulo wale veki siyishiyayo umhla weshumi elinanye. UNosakhele Wasale nongumolokazana wokuqala kwixhoba eli uthi, isabothusile belusapho indlela athe wabulawa ngayo umamazala wabo.
Uthi bohlukene ngobusuku bangeCawe emveni kwentsimbi yesithoba kumnandi kuyolalwa ngendawo zabo kanti, kungethuba abagqibelisa ngayo ukuhlala naye.
“Ngecala emva kwentsimbi yesithandathu kusasa xa ndivuka ngolwesibini, nalu ucango likamama elingentla livuliwe, ndothukile, kuba ayingomntu uvuka avule, wothuka nje azimamele ebhedini. Ndithe ndakusondela ndingena hayi bo! nanku ejinga ngentambo kwintsika yendlu, ndakhwaza abantwana ukuba babize abantu belali mhlawumbi ndibona kakubi, bafikile abantu belali bagqiba ukuba masibize amapolisa akuCentane nawaye afika avula ityala,” utshilo uNosakhele.
Usomashishini uMandlaphakamile Makinana uthi, uzakufaka isandla kweli khaya ngosuku lomngcwabo njengoko lungathathintweni, kwaye lushiywe nalilungu labo ngohlobo olubi.
Ungcwatywa ngomhla wama- 23 eNjingini kuCentane.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo