Kuse lizixhomile ityendyana lakuNtabankulu

EBONWABILE uThobani Mlonyeni (21) kodwa kwasa ezixhomile kwigumbi lokulala kwikhaya lakhe eliseDungu kuNtabankulu.

Ubonwe nguyise osamangalisekileyo ngexesha eya kumvusa ngentseni kuba efuna ukumthuma.

Isihlobo esingafunanga kuchazwa sithe: “Ubhuti (utata kaThobani) usothuke kakhulu, kutshintshe yonke into kuye emvakokonda ngonyana wakhe ebhubhile ezixhome kwigumbi lakhe lokulala ngentseni yangeCawa.”

“Ukohlukana kwethu noThobani ebezonwabele esiya ebholeni njengesiqhelo ngenjikalanga. Ebebekhona ke ukubuya kwakhe bathe khange babone mpawu zanxunguphalo, ude wayolala kwigumbi lakhe esazonwabele. Sibuhlungu kakhulu yile nto yenzekileyo singasazi nesizathu, besisajonge lukhulu kuye,” sitshilo esi sihlobo.

Othethela amapolisa akuNtabankulu uKapteni Mlungisi Matidane uthe, amapolisa ayile kwindawo yesehlo, kwaye ityala livuliwe. Uthe ayiqheleki into yokuva ngokuzibulala komntu nangona sele kuyinto exhaphakileyo.

isibhalo@inl.co.za