Kusekho umntu Tata!

Abantwana bethu bafundiswa imikhuba bebancinci yile ndlela sayinikwa ngurhulumente yokukhulisa abantwana.

Kukuthini ukuba umntwana wam abe negumbi lakhe ekuthiwa alina kungenwa mntu ngaphandle kwemvume yakhe kula magumbi ezindlu zam?

Kutheni engafuni elakhe inxiwa nje aye kuzakhela owakhe umzi, apho aza kuba namagumbi angenwa ngokuthanda kwakhe kuphela?

Kukuthini ukuba emzini wam kubekho amagumbi endingawangeniyo? Konke ekusemasangweni am kokwam, nditsho negumbi lokuzithuma elikuwo!

Andidingi mvume mntwini ukuwangena, nangaliphi na ixesha.

Umntwana wam ngowam; ndimzele nonina enezi mpundu anazo. Ndimfunzile ngethuba ube engekabi nakuzifunza. Ndimphiphile ngethuba ebengekabi nakuziphipha ngokwakhe.

Ndimbelekile ngethuba ebengekabi nakuzihambela ngeenyawo zakhe. Ndimhlambile ngethuba ebengekabi nakuzihlamba ngokwakhe, ndamthambisa, ndamnxiba.

Xa engaphilanga besincedisana ngaye nonina, kungekho ndawo singayibambiyo emzimbeni wakhe ukunonophela impilontle yakhe.

Namhla lo mntwana uyakwazi ukuziphipha, uyakwazi ukuzihlamba, uyibika ngokwakhe impilo yakhe de abenako nokuzisa ngokwakhe kwagqirha. Yonke into ebendimenza yona ngethuba engekabinako ukuzenza uyazenzela.

Kungelo xesha kanye ke apho kuvela umntu endingamaziyo ukuba afundise kwalo mntwana wam ukuba ndingabi sabuye ndisondele kuye. Kungoku nje andisenako ukungena egumbini lokuhlambela intombi yam ihlamba; kufuneka ndime ngaphandle de ibhinqe! Kanti ngokabani lo mntwana? Ezi mpundu kuxhalelwa zona azilosende lam na? Kukuthini ukuba bumini ndizibone sele kukho ilungu endingenolijonga emzimbeni wam? Umzimba womntwana wam ngumzimba wam lowo!

Umntwana uhlala engumntwana emzalini nokuba angade aphume iimpundu zibe ngangesiduli.

Ukuba umntwana afundiswe ukundixhaya sisithuko kum. Ndenziwa isilwanyana sona sijika sijojwe kwalithole laso, sona sijika sijoje kwaithole laso nethole likanina! Ndiphucwa ubuntu ukuba ndenziwe isilwanyana.

Ndike ndathi ndisiya kwigumbi lokuhlambela elidibene negumbi lokuzithuma, kule nto yasezidolophini ke yokuba zonke izinto zisenzelwa endlwini.

Ndithe xa ndivula ucango yamemeza intombi yam, “kusekho umntu!” Ndithe sele ndijikile; hayi maan, inguMpumlozinegwada nje lo utshoyo!

Uqale nini nangoku uMpumlozinegwada ukuba ngumntu?

Kaloku yena ndingena nokuba sele ezithuma ndenze endize kuyenza kwelo gumbi, athi ukuba uqhiniwe ndimkhuphe ingqatha. Ngumntwanam lowo! Nithi akaqalwa yimikhuba na lo mntwana, ukuthi kum ungumntu?

Ndimgqibele engumntwana nje uqale nini ngoku ukuba ngumntu? Makube uqalwa yimikhuba ngenene.

Mhlawumbi ukho lo mntu umhlohla umoya ongendawo. Ukho lo mntu umnika intliziyo embi, yokuba uyise sisilwanyana amele ukuba angasivumeli sisondele kuye. Umhluthe intliziyo yokuba ukususela elunweleni ukuya eluzwaneni undim nje wonke, ngako oko ukumona kukuzona mna ngokwam.

Ndijike ndikhawulezile ndabuyela egumbini eyayikulo intombi yam. Ndifike ndabuza ukuba uphi na lowo umntu kuthiwa ulapho. Yakhohlwa! “Bendingaba ndiva ilizwi elithi kukho umntu na apha, okanye ziindlebe zam?” Ndibuzile.

“Hayi, akukho mntu tata, ndim.” Yatsho intombi enkulu. Ndathi kulungile ke, bendiba kukho umntu, ndingazi ukuba nguwe mntwanam, ndatsho ndee gwiqi ndakube ndikhovile!

Ndincwina ngolu hlobo nje andibulibalanga ubulwanyana obufikele abantu kule mihla. Kodwa makwaziwe ukuba nangani kunjalo kusekho abantu abanayo ingqondo, abafuna abantwana babo bahlale bengabantwana kubo, bangahlohlwa imikhuba.

Silelo khaba ke akusingeni kamnandi ukuzibona sele sihluthwa abantwana bethu sisababuka, ukuba sishiyeke sizizigudu sizele. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.