Kusekude engqinibeni ngakumatyala kaZuma

KUSEKUDE engqinibeni, phambi kokuba kucace icala ngakwizityholo ajongene nazo umongameli weli uJacob Zuma.

Izolo intloko yeGunyabantu Lezotshutshiso kweli uShaun Abrahams uthe uzakubhenela kwinkundla yezibeno.

Oka Abrahams ubalule izizathu ezintandathu eziqinisa isigqibo seGunyabantu lezoTshutshiso sokucel’ umngeni isigwebo senkundla ePhakamileyo yakuMantla eRhawuti.

Esi sigqibo sibonwe njengenkcitha xesha ngoosaziwayo abaquka uNjingalwazi uPierre de Vos oyingcali yomthetho nomgaqosiseko.

Kodwa uBrenda Wardle okwangumhlalutyi wezomthetho uthi yinkundla ekufanele ukuba ithathe isigqibo.

UWardle uthe, “Kusafanele ukuba iGunyabantu Lezotshutshiso lifumane isicelo kwakwinkundla ephakamileyo, ukuba le nkundla ayiboni sizathu sokubhena izakusikhaba isibheno, ukuba idlulela kwinkundla yezibheno, nayo izakuqwalasela izizathu, ukuba ezo zizathu azivakali nayo ayizukusamkela isibheno seGunyabantu lezoTshutshiso.

Emva koko lingaya kwinkundla yomgaqosiseko, nayo ngokunjalo ayinokusimamela eso sibheno.” Uqhube wathi, uZuma akukho nto angayenza de kucace icala lokuba uyatshutshiswa kusini na.

OkaWardle uthe, “NoZuma unelungelo lokubuyela ezinkundleni enqanda ukuphinda abekwe ityala, kuba wayengenanto yakwenza nesigqibo sikaMokotedi Mpshe.”

NguMpshe owayeyintloko yeGunyabantu Lezotshutshiso, nowathabatha isigqibo sokuchitha amatyala ayi 783 ngakuZuma, etyhola ukuphazamiseka kwenkqubo yotshutshiso.