Kusekwe iqela elitsha lezopolitiko

XA udibana negama elithi African Change Academy (ACA) yazi ukuba liqela lezopolitiko elitsha elizimisele ukungenela unyulo ngonyaka ka2019.

Eli qela lisekwe, ubukhulu becala, ngamalungu abefudula ekumbutho iUnited Democratic Movement (UDM) kodwa alifulathela eli qela kwinto ayichaza “njengokunqongophala kwenkqubo yentando yesininzi kwiUDM eyenziwa nguHolomisa”.

UNobhala jikelele weACA uMhlangabezi Ngebulana, uthi amasebe alo mbutho wabo ayakhula, kwaye bakho kumaphondo amane. UNgebulana ubanga ngelithi banamalungu angamawaka amathandathu kwiACA. “Siliqela esele libhalisile ngokusesikweni, kulandela ukubhalisa kweyoKwindla kulo nyaka. Sinamalungu eLimpopo, eNtshona Koloni, eRhawutini nalapha eMpuma Koloni,” utshilo uNgebulana.

UNgebulana uthi babone ukuba mabayishiye iUDM “ngenxa kaHolomisa olawula ngegqudu”.

“Sizamile ukusombulula iingxaki zeUDM ngethuba singaphakathi kulo mbutho kodwa ngaphandle kwempumelelo,” utshilo uNgebulana othi ukhe wacela umngeni kwisikhundla sikaHolomisa kwinkomfa yalo mbutho eyayibanjwe ngonyaka ka2015.

Ephefumla koku, uHolomisa uthe: “Mna andinalo ixesha lokuthetha ngabantu abashiye iUDM, ixesha endinalo yimicimbi yeUDM.”

Obesakuba nguNobhala weUDM eMpuma Koloni uWandile Tsipa, nguye onguMongameli weACA.