Kusenemiqobo endleleni yomfela ndawonye kaVavi

KUSEKHO imiqobo kwindlela yokusungulwa kwemanyano yabasebenzi ezakukhokelwa nguZwelinzima Vavi.

UVavi owayesakuba ngunobhala jikelele womfela ndawonye weCOSATU ukwiphulo lokusungula umfelandawonye omtsha azakuqhubeleka ngawo kwidabi leemfuno zabasebenzi.

Lo mfela ndawonye ekulindeleke ukuba ukhuphisane neCOSATU kwidabi lokulwela iimfuno zabasebenzi bekulindeleke ukuba uphehlelelwe kwimpelaveki esiphuma kuyo kodwa akwabinjalo.

Isithethi salo mfelandawonye uPatrick Craven uthe, “Sisaqhuba uthethathethwano ngemigago ezakulandelwa, ezinye iimanyano zizakuba nenkongolo, nalapho zizakuxovula ukuzibandakanya nalo mfela ndawonye kumalungu azo.”

Ubalule izindlululo eziphunyezwe kule ntlanganiso njengezinika isikhokelo kumhla ozakusungulwa ngawo lo mfelandawonye. Phakathi kwezo zindululo sesokuba ulawulo libe kubasebenzi ngokupheleleyo.

Lo mfela ndawonye awuzukuzibandakanya naqela lezopolitiko nangona amalungu evumelekile ukuba abenezimvo zezopolitiko. Uzakulwa nezinto ezifana nokuchasana ngobuhlanga, ngokwesini nokuxhatshazwa kwabemi bangaphandle. Uzakuchasana nenkqubo yoongxowankulu, ulwele umakulingwane kwaye uzakuthatha amanyathelo angqongqo kwidabi lokulwela abasebenzi.

Umhlalutyi wezengqesho kweli, uTerry Bell uthe mninzi umsebenzi ekusafanele ukuba wenziwe nguVavi kwakunye nabo asebenzisana nabo.

“Ngabantu abebefudula besoyanyaniswa neANC aba, ngoko ke kufuneka balwele ukubonwa njengabantu abangenacala,” utshilo uBell.

Ukwathe, Ezinye zeemanyano eziqhekeka kwiCOSATU azikaqiniseki ngokupheleleyo ngokuzibophelela kulo mfelandawonye.

“Owona mceli mngeni mkhulu kukukhuthaza uluntu ukuba lizibandakanye neemanyano zabasebenzi, kuba ezinye zeemanyano ezinomdla wokuzibandakanya nalo mfela ndawonye azinamalungu maninzi.

Abasebenzi abasenathemba kwiindima ezidlalwa ziimanyano zabasebenzi, ngoko ke kufanelekile ukuba bafikelele kwiimanyano nakubasebenzi abangeyonxalenye yeemanyano.”

UCraven uthe, amathemba empumelelo njengomfela ndawonye aphezulu.