NGUNYAKA wesithathu ukususela oko abasebenzi bakwa Coca-Cola eMonti bathi bagxothwa emsebenzini.
Le nkampani yagxotha abasebenzi abangamashumi asixhenxe anesibini ngomhla we21 kaJuni ngo2013.
Aba basebenzi batyhola ngelithi bagxothwa ngokungekho mthethweni, betyholwa ngabalawuli bakwa Coca-Cola ngokuthatha inxaxheba kugwayimbo olungekho mthethweni elalingomhla we16 kaEpreli kwangalo nyaka.
USabelo Bangisi ongomnye waba basebenzi uthe, “Ingxaki yethu iqale ngo2011, kukho ugwayimbo elaliququzelelwa yimanyano, kwakho abasebenzi bebala abazibandakanya nalo, umlungu ongomnye wabalawuli benkampani uAdam Bernard wababuza ukuba kutheni bezibandakanya noqhankqalazo lookafile.
“Emva koko safaka isikhalazo, kwathi ngenxa yeso sikhalazo uBernard wasiphatha ngqwabalala esithi uyabazi abo bangamfuniyo, kwaye uzakubagxotha nganye nganye.”
Uqhube wathi abasebenzi baqhuba befaka izikhalazo kwinkampani de banikwa ingxelo yokuba okaBernard unqunyanyisiwe.
“Ingxaki izokuvela emva kokuba ephinde wabuya kungekho ngxelo ecacisa ngokubuya kwakhe,” utshilo uYena Sineyile okwangomnye wabagxothwa yile nkampani.
Utyhole iFAWU ngokurhuqa izithende ngokufumana isisombululo ngalo lonke eli thuba begxothiwe.
“Igqwetha lethu lalifika mva kwiingxoxo zeCCMA, laphosa umhla ebekufanele ukuba lifake amaxwebhu kwinkundla yezengqesho.”
Babika ubunzima aba basebenzi susela oko bathi baphulukana nemisebenzi, kwaye isibini kubo sasweleka. Umongameli weFAWU uArtwell Nazo uthe, “Ndiyasiqonda isikhalo sabo, kudala eli tyala labo lingahambeli ndawo, ngodwa ngoku sinamagqwetha alinika ingqwalasela naza- kudibana nabasebenzi kule veki siya kuyo.”
Ugxeke amagqwetha ebesebenzisana neFAWU ngokurhuqa izithende ekuqinisekiseni ukuba eli tyala lifumana isisombululo esikhawulezileyo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo