Kusezigebengeni Emapoliseni

Isikroxo sotywala esiseMdantsane eNU2 eMapoliseni UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Emapoliseni kusezigebengeni ezenza ubomi babantu bakwa wadi 42 eMdantsane bubekrakra ngenxa yokubulawa kwabantu, umculo ongxolayo nokuchamela iminyango yabahlali.

Eli gama lithi “Emapoliseni” ligama lendawo ethengisa utywala ekutyholwa ukuba umnikazi wayo ulipolisa kwisikhululo samapolisa akwaN.U. 1 eMdantsane.

Elinye lamaxhoba alendawo uPhumzile Mlotha uthi unyana wakhe wabhubhela kule ndawo, akuzange kubekho mkhondo ngokubhubha kwakhe.

“Ndafika igazi lomntwana wam ligcwele phezu kwePool Table kodwa ndaxelelwa ukuba akukho mntu ubonileyo ukuba kwenzeka ntoni, akukho mntu wafunayo ukuchaza kuba koyikwa umnikazi wendawo nababulali bomntwana,” uthethe watsho uMlotha. Abahlali bale ndawo bakholelwa ukuba amatyala abawafaka emapoliseni ngale ndawo awahambeli ndawo kuba umnikazi wayo ulipolisa.

Le ndawo yotywala yaqala ukuthengisa ngonyaka ka1997 kwaye sele bebaninzi abantwana babantu abangamaxhoba ale ndawo.

Elinye ixhoba laseMapoliseni elingavumanga negama lalo kuba lisoyika ukuhlaselwa ngamahlakani womnikazi wale ndawo uthi ngenene baphila ubomi bentshontsho. “Umculo walo mzi ungxola nide ningavani apha endlini xa nithethayo, abantu abahamba apha benza zonke izinto ezimdaka phambi kwabantwana, bachopha apha phambi kwezindlu zethu bakhulule ibhlukhwe bazincede. Siphila kabuhlungu yile ndawo,” utshilo umhlali lo.

Uthi kudala bekhala kwibhodi enikisa iziqinisekiso zokuthengisa utywala, iEastern Cape Liquor Board. “Abantu bakwaLiquor Board basuka beze apha bavuselele iincwadi zokusebenza zaba bantu kuba basela phaya, sihlekwe kuthwa sizizibhanxa,” utshilo umhlali. Le ngxelo ithi omnye umhlali waziyela emapoliseni akwaN.U.1 esiya kumangalela esisimokolo, wanikelwa kumnikazi waseMapoliseni ukuba amhoye waza wahlekwa ngamanye amapolisa. Uceba wala ndawo uSenduka Maphuka akafumanekanga ukuziphendulela kuba naye utyholwa ukuba uyazana nengxaki zale ndawo.

Othethe egameni leEastern Cape Liquor Board uMgwebi Msiya uthi banamagosa ahlala ehlola ukuthotyelwa kwemiqathango yemvume yokusebenza kwezi ndawo zotywala.

“Xa abahlali befake isikhalazo siye siqhube uphando, simcele umnikazi wendawo ukuba athobele imiqathango yemvume yakhe yokusebenza, ukuvalwa kwendawo iba linqaba lokugqibela,” uthethe watsho uMsiya. Impepha zokuthengisa utywala zivuselelwa rhoqo ngonyaka ngenyanga yeDwarha, itsho ingxelo.