Bashiyeke nezinto ebebezinxibile kuphela uSibabalwe Mabulu kunye noSihle Nokwe, kulandela ukutsha kwezindlu ebehlala kuzo kwindawo yaseNdlovini ePort Alfred.
USibabalwe uveze ukuba uthe xa efika ngezithuba zasemva kwentsimbi yeshumu ebusuku wafika sele elahlekelwe yinto yonke kwindlu ahlala kuyo.
“Besele kunzima nokuba ndingangena ndizame ukukhupha izinto ngaphakathi,” utshilo uMabulu.
USihle Nokwe nobehlala kwityotyombe apho umlilo uqale khona uveze ukuba akakayikholelwa nangoku into yokuba ulahlekelwe yinto yonke ebenayo ngenxa nje yento engekhoyo.
Ebuzwa ngonobangela womlilo uthe, nangona engaqinisekanga ngalo nto kodwa ukhona umfana ebemsongele ngelithi uzakumfumana, kwaye uzakumbonisa, emva koko kuye kwatshiswa ityotyombe lakhe kuquka nendlu kaSibabalwe.
“Sendizibona ndingenanto nje ingxaki iqale xa bendikwindawo yolonwabo ngethuba kufika sisi uthile kum, nebendiqala ukuthetha naye,” kutsho uNokwe nalapho aveze ukuba ukholelwa ukuba isoka lalo sisi libabonile laze lacingela ukuba ikhona into ayenzayo nenenekazi elo, kulapho aye wasongelwa khona ngulo mfana emxelela ukuba sele beyimpuku nekati ngoku.
Okubuhlungu kakhulu kukuba akukho nto ndiyenzayo nale ntombi nanjengoko bendiqala ukuyibona kwaye yiyo eze kum, utshilo uSihle nobebonakala ekhathazeke kakhulu ngesi senzo.
Kwizinto ezilahlekele esi sibini kuquka nezazisi (identity documents) zabo. Kwaye akukho ntyala livuliweyo malunga nesi siganeko kodwa baveze ukuba likhona ipolisa eliye lazojonga emva koko lahamba.
UKholisile Madikane noqashise esi sibini kwezi zindlu zitshileyo uthe, uvuswe ngabatu kuba ebelele yoyi yena.
“Ukuba bendingavuswanga, ngokuqinisekileyo ngowundibulele umlilo kuba ubusele usiza nakule yam,” utshilo uMadikane.
Lo kaMadikane ukwaveze indlela ezihamba kancinane ngayo izicima mlilo nanjengoko evakalise ukuba zifike sele kutshe kwaphela yonke into. Yilonto beye bazigxotha kuba kuthathe into engaphezulu kweyure ezimbini ukuba zifike.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023