Ngamalungu amabini osapho olunye, uPhindile Matrose, uCikizwa Matrose nongudade boPhindile abaphakathi kwamaxhoba amathandathu adutyulwe abhubha kwangoko kwindlu kaPhindile ekwisitalato iRamba eNew Brighton eGqeberha.
Amanye la amaxhoba nguLuningi Kitsane kwakunye noNoxolo Tom, ababini kwesi sithandathu, owasetyhini kwakunye nendoda abakaziwa ukuba ngoobani.
Kwesi sehlo senzeke kule ndlu sokudutyulwa kwala maxhoba kusinde umntwana oyinkwenkwe oneminyaka emithathu kuphela nongumntwana kaCikizwa.
Ingxelo ephuma emapoliseni ithi abamelwane beve ngezithonga zompu kule ndlu ekuzeni kusa ngoMgqibelo, xa beyokukroba bafike umnyango uvuliwe.
Ekungeneni ngaphakathi apha endlini bagagene nemizimba emine yabasetyhini abathathu kwakunye nendoda enye idunduluzile. Omnye wasetyhini wabhaqwa edunduluze ekhitshini ze omnye edunduluze kwigumbi lokulala kwabe kukho lo mntwana uyinkwenkwe yena engenawo nomkrwelo.
UColonel Priscilla Naidu uthi umnikazi wendlu uPhindile kuvakala ukuba ungumnikazi wendawo elungisa iimoto. Kukwavakala nokuba belukhona noshishino lweziyobisi.
Ingxelo ithi amanye amaxhoba afunyenwe enamanxeba okuhlatywa nawokudutyulwa logama amanye edutyulwe kuphela.
Okwangoku akukabanjwa mntu nonobangela woku usaphandwa.
UNjengele Thandiswa Kupiso uyalele ukuba mababanjwe ngokukhawuleza abenzi bobubi. UKupiso ukwabongoza intsebenziswano phakathi koluntu kwakunye namapolisa.
Kuyabongozwa onokubanolwazi atsalele uColonel Willie Mayi ku082 697 5914 okanye ku08600 10111.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8