Kusokola izidumbu nabaphilayo eGcibhala

Sele ulubekile usuku lokungcwaba, uyakwazi umngcwabo ungaqhubeki ngenxa yemeko yendlela embi esuka edolophini eTsomo uyokutshona kwiilali zaseGcibhala phantsi kwesi sithili.

Abahlali bathi wakhe wawa umzimba womntu obhubhileyo bejongile uphuncuka kwimoto elayisha izidumbu kule lali ngenxa yokubambi kwendlela.

Abahlali bathi babona ukuba kunokuba bangangcwabi sele kwenziwe namalungiselelo baye umzimba bawukhawulele ngeenkomo

Abahlali eGcibhala eTsomo bakhala ngale ndlela enqumla kwihlathi, bathi eli hlathi likhaya loonqevu kwaye xa kunetha azikwazi ukugqitha iimoto. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE
Le indlela ekungasahambeki kuyo kwilali iGcibhala yiyo engabafikisa ngokukhawuleza kwidolophu iNgqamakwe UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Umhlali wale lali uthe: “Siye sinyanzeleke sibophe iinkabi uyokulanda umntu wakho ngeenkombo kungenjalo awuyi kungcwaba kuba abangcwabi abasakwazi ukuqhubekeka bangene elalini.”

“Kwaye nogulayo okwimeko embi ingade yenzeke into kuye nokuba ibingazokwenzeka kuba iiambulensi asizazi kwaye neemoto ezikwilali engaphesheya akululanga ukuba zize. Kuye kufuneke umntu eqale ngokulayiswa ziinkomo ukuze akhawulele into eqeshiweyo ekubeni imse esibhedlele. Yintlungu into esikuyo, sicela oku kwendlela kurhulumente,” kutsho lo mhlali.

Ayizozigulana kwanabangasekhoyo kuphela abachaphazelekayo kule ngxaki, nootitshala besikolo esikule lali abezi xa imvula isina kuba akukho ndlela yokuhamba. Abantwana iyakwazi ukuphela iveki besekhayeni kuba ootitshala babo bengakwazi ukuza esikolweni ngenxa yendlela. Kwaye nomgama wendlela abawuhambayo abantwana mde, bafika kumagumbi okufundela sele besozela bedinwe yindlela kuba iimoto azisangeni ngenxa yendlela.

I’solezwe lesiXhosa lizibonele ngokwalo ukuba ziiyure zimbini ukusuka edolophini ukuya kule lali, nto leyo ibinokwenza iyure enye xa ibinokuba ntle indlela.

Xa usiya edolophini uhlawula iR70 naxa ubuya uphinda urhole enye iR70. Abaqhubi beeveni ezithutha abantu abaya edolophini bathi ngabona bafumana ubunzima kuba uluntu luxhomekeke kubo ukuze luye edolophini kwaye nabo baxhomekeke ebahlalini ukuze bakwazi ukulala betyile.

UVuyani Mhlawuli, ongumqhubi weveni, uthi mininzi imingeni abahlangabezana nayo. Bathi urhulumente akasenzi nokuba “nguphela sonwabe” okokuba abaqhathe, kuthe cwaka.

“Ngunyaka wesithoba lo ndingumqhubi wezi veni, zange ndabona nakanye kusithwa kwenziwa indlela okanye ke kuthwe iyakrwelwa, ingaba ndithetha ubuxoki phambi koThixo. Amavili emoto siwatshintsha siwatshintshile kuba kaloku indlela imbi,” utshilo uMhlawuli

UNtsikelelo Mafu, nongumqhubi naye, uyibalise yabuhlungu esithi babhubhela endleleni abantu, nokuba ebegula kancinci ude aqatsele ngenxa yokuthunakala exikixwa yindlela. Uthi oko wakhula esengumfundi njengokuba sele engumqhubi zange nangemini enye abone kusakhiwa indlela kodwa bayeva ukuba iimali zaphuma ngopewule ezokwakha indlela.

Inkosi yala mmandla uNowandile Khehla nobizwa ngesikhahlelo sikaNo-ithali, uthi kwindibano nendibano aye ayizimase nasenqileni akusoze kungathethwa ngale meko yendlela. Uthi lide ithuba bekhala, becela iindlebe zikarhulumente, kodwa ngaphandle kwempumelelo.

Isithethi kuMasipala Intsika Yethu, uZuko Tshangana, uthi bengumasipala bayayazi ingxaki yendlela yaseGcibhala neelali zayo ezinguWadi 6.

UTshangana uthi umasipala uye wasiphengulula isicwangciso songenelelo esijolise ekuqinisekiseni ukuba iindlela zokugqobhozela ziyafikeleleka.

“Emva kothethwano lakutshanje noceba wale wadi, iSebe loPhuhliso lweZiseko kwaneziCwangciso liye lacwangcisa ukuze likwazi ukwenza le ndlela ukuba ifikeleleke phantsi kwazo zonke iimeko zemozulu.

“Le nkqubo kulindeleke ukuba ibandakanye le ndawo (eGcibhala) kule nyanga yoMsintsi 2021. Oku kuza kwenza le lali ifikeleleke kwabo basebenzisa indlela kwakunye nezinye iinkonzo ezingundoqo,” utshilo uTshangana.