Kusweleke abantu kwimililo eKapa

ULusizo Mashalaba uthi balahlekelwe yinto yonke emlilweniImifanekiso: Cindy Waxa/ ANA

EKAPA:

KUSWELEKE abantu abane kwimililo ewise izindlu zeRDP yazishiya zizindonga eMfuleni naseKhayelitsha kule mpelaveki sisuka kuyo.

U-Onke Betiwe neqabane lakhe uMelanie Cupido basweleke ngoMgqibelo eMfuleni kumlilo usapho olusola unyawo lwemfene.

U- Aphindile Mashalaba nomzala wakhe uLuxolo Mthi basweleke ngelixa belele emkhukhwini wabo eLitha Park eKhayelitsha kule veki.

UVuyiseka Betiwe uthe kuvele amarhe wokuba uOnke waxabana nomnye umfana kwangale mini yomlilo.

“Lo mlilo uqale kanye kwigumbi labo lokulala. Akukho nto efana nesitovu ebivutha. Kukho umntwana othi ubone uOnke exabana nomfana othile ngoMgqibelo njalo. Uthi lo mntwana uphindile kwakhona wabona lo mfana ephosa into ngefestile. Kulapho kanye uqale khona lo mlilo. Unyana wabo oneminyaka elithoba uAnathi usabuza ukuba babuya nini abazali bakhe,” utshilo.

ULusizo Mashalaba uthe umama wakhe wothuke wasiwa esibhedlele emva kokuswelekelwa ngunyana uAphindile nomtshana wakhe uLuxolo.

Uthe ebuhlungu yeyokuba uLuxolo uvela eMpuma Koloni ebezokutyela iiholide zeKrismesi.

UMashalaba uthe lo mlilo uqale emkhukhwini apho bekulele khona uLuxolo noAphindile waze wanwenwela endlwini uhamba ngentambo yombane etsalela kulo mkhukhu.

“Ndivuswe ngentsimbi yesibini ekuseni kusithiwa kuyatsha ekhaya ndiseMakhaza. Ndifike ngokukhawuleza kodwa ndema nje ndabukela kuba bekungekho nto ebendinokuyenza. Kusinde umama nabantwana ebebelele endlwini yesitena,” utshilo.

Isithethi samapolisa * -Andre Traut uthe amapolisa ase Lingelethu West abizelwe umlilo kwisitalato iNtutyana eLitha Park, eKhayelitsha.

“Bafike sele kukho izicima-mlilo zicima. Kukrokreleka ukuba lo mlilo uqale emkhukhwini obume ecaleni kwendlu. Kuthiwa umnikazi womzi ebelele waze waqaphela ukuba umkhukhu uyatsha kwaye umlilo uza endlwini. Yena (umnikazi) nabantwana bakhe ababini basindile. Kusweleke abantu ababini. Awukaziwa unobangela walo mlilo okwangoku. Amapolisa asaphanda.”

EMfuleni, uTraut uthe kusweleke indoda nomfazi ngoMgqibelo malunga namashumi amabini phambi kwentsimbi yesithoba ngokuhlwa ngelixa kusitsha indlu yabo belele. “Unobangela womlilo awukaziwa kwaye akukabikho mntu sele ebanjiwe,” utshilo.