KuQHUME uthuli izolo kwiYunivesithi iWalter Sisulu kwiziko eliseZamukulungisa eMthatha nanjengoko abafundi bebonakalisa ukunyevulela isigqibo seziphatha-mandla sokunqumamisa izifundo zexeshana.
Oku kuza emva kokungarholi kwabahlohli abangesosigxina isithuba esingangeenyanga ezimbini. Amacandelo ezifundo athe achaphazeleka mpela ibifudula ingalawo aquka ezolawulo (Management), Internal Auditing nePublic Management kodwa izolo kufike ingxelo kubafundi ediza ukuba zonke izifundo zexeshana ziyanqunqanyiswa.
Le ngxelo ibisazisa njengesigqibo esithatyathwe kwintlanganiso ebichotshelwe ziziphatha-mandla zale yunivesithi, umfela ndawonye wabasebenzi iNEHAWU kwakunye neqoqo elimele abafundi. Kuye konakala ukuhlala emva kwale ntlanganiso, abafundi besithi izakwaziwa into ababhinqe ngayo.
Ethetha egameni labafundi beli ziko uCwenga Sigwili uvakalise ukuba baxhalabile kuba uyaphela unyaka zingaqhubi izifundo koko bejikana nelanga ukususela kwinyanga kaCanzibe.
“Ukuba ngenene ayikho imali yokuhlawula abahloli bexheshana kutheni le nto kuchaphazeleka eli lethu lodwa iziko ekubeni eMonti, eGcuwa naseKomani bayafunda,” utshilo uSigwili. Uthe babhenela kubundlobongela nobundlavini kuba lolona lwimi luviwayo eWSU.
Aba bafundi bathe bohlutha izitshixo kooNogada baza bawavala onke amazibuko angena kweli ziko phambi kokuqhekeza ivenkile yeencwadi bethabatha konke okuthathekayo, kuquka nesixa-mali esingadizwanga. Emveni koku, bathe bantumeka ngomlilo elinye lamagumbi ekuphekelwa kuwo. Ibesisikhalo esilusizi senkonde esebenza ezigadini kwel iziko esithe sabamisa abafundi ukuba batshise iTele-tele ebisele ingqongiwe igalelwe nePetrol. “Le tele-tele sisonka sabantwana bam, ukutsha kwayo kukuphela komsebenzi kum.” Ubongoze watsho uMvano Nala (61) ongumsebenzi wegadi kweli ziko.
UBonile Ntantiso ojongene nemicimbi yezokhuseleko kweli ziko uthe kuye kwafuneka babalekele ubomi babo kwakunye nonogada futhi namapolisa kungekho nto angayenza nanjengoko amazibuko evalwe ngabafundi.
USnelizwi Mgontshongo ongumongameli weqoqo elimele abafundi uthe uyabukhalimela ubundlobongela kodwa intshukumo eyenziwa ngabafundi yeyokubonakalisa inkxaso kubo beliqoqo kulo mcimbi.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman