Inkonzo yaseFree Church eBhayi izakuqhuba umthandazo wabafundi bebanga leshumi ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga ukusukela ngentsimbi yeshumi ukuya kwintsimbi yeshumi elinesibini.
Le nkonzo imema bonke abafundi bebanga leshumi, abazali kunye neetishala ukuba babeyinxalenye yalo mthandazo ukuze baze kuthandazelwa.
Othethe egameni lale nkonzo uXolani Lottering uthi bazakuthandazela ukuphucuka kweziphumo zebanga leshumi.
“Sikwajonge ukukhuthaza abafundi ukuba basebenze nzima ukuze bafumane iziqhamo ezibafaneleyo,” utsho uLottering.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo