Kuthandazelwa abantu basePalestina eBhayi

UIsmael Abdullah ngasemva phambi kweCity Hall yaseBhayi

Umhlali weli obetyelele kwilizwe lasePalestina kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo ubuye engawuvali umlomo ngenxa yobomi bentshontsho obuphilwa ngabantu beli lizwe phantsi kongcikivo lwamaSirayeli.

UIsmael Abdullah ukuthethe oku ngethuba ebezimase umngcelele wokuthandazela abantu basePalestina kwanabo bebengamaxhoba okugraywa ngeembumbulu ngoombayimbayi ngamajoni akwaSirayeli ekuqaleni kwale veki.

Lo mngcelele uhambe wayokuthontelana phambi kweholo lesixeko saseBhayi iCity Hall.

AmaSirayeli athulule ngeembumbulu abulala malunga namashumi amane abahlali neengxwelerha ezingama2000 kwindawo ebizwa ngokuba yiGaza nakwezinye iindawo zasePalestina, apho athe vu khona ngeenjongo zokungcungcuthekisa.

Aba bahlali badibene nezi mbumbulu ngethuba bebeqhankqalazela ukuvulwa kweofisi yozakuzo yelizwe laseMelika kwikomkhulu labo iJerusalem.

UIsmael Abdullah uthe betyelele kweli lizwe ngezenkolo ehambele nakwidolophu yaseGaza, eJordan naseArabia. Uthe abantu balapho bebehambela kude kubo kuba abavunyelwa ukuba bathethe nabantu bamanye amazwe ngenxa yemithetho nemiqathango ethi bayakudibana neembila zithutha abenza njalo.

“Bayoyika ukubulisa nokuzoyamanisa nabanye abantu bangaphandle nabakrokrelekayo, besoyika ukuvalelwa nokubuzwa ingcombolo,” utshilo.

Uhambise wathi uninzi lwabo alusenamakhaya, abanawo abanamanzi, bahlala ebugxwayibeni.

Uthe ilizwe laseMzantsi Afrika alenzi ngokwaneleyo ukulwisana nomkhwa woongqondobugqwirha welizwe lakwaSirayeli, esithi ukuthi makarhoxe ePalestina akwanelanga koko makufakwe uxinizelelo kwicala lezimali nonaniselwano nangamaqhina ozakuzo.

Okhokela umbutho wePalestine Solidarity Alliance, uSheikh Shamiel Pandy, ubongoze uluntu ukuba lungenelele kumkhankaso wokuxhasa imizabalazo yabantu beli lizwe.

Unobhala wombutho weANC kwingingqi yaseNelson Mandela, uThemba Xathula, uthe umbutho wakhe uma ngokupheleleyo nabantu basePalestina.